Sisixhobo esisingis’empumelelweni
Sisixhobo esisisalathiso sothando kunye nemfobe

Kugqub’ingcinezelo nje kukunqongophala kobunye,
Kugqub’ingcinezelo nje kungenxa yokuchasa ubunye

Masinqwale iintloko Mz’ontsundu kunye naMangesi xa esithi “unity is strength”
Khon’ukuze sibeyimbumba yamanyama

Iimpawu zalowo unxakamele ubunye umbona ngokubanesazela kunye nentobeko.
Hayi wonke ubani unqwenela ubunye, kuba kaloku akukho ntsimi ingenasihumba.

Ingaba likho iqili elinokuzikhoth’umhlana?
Kutheni beyimbinana nje abeseki bobunye?