Esi sisipho sikhulu kuneziny’ izipho
Sasiphiwe ngulow’ unguMdali; uThixo
Mhl’ ahlala phants’ onk’ amazulu
Ahlela ngokwakh’ inqab’ engumntu
Kwaba kukuzalwa kwesi sipho
Singumngalis’ onqabileyo

Uhlaza luyadubula, ze lakufa lubune
Ilanga liyaphuma, libuye litshone
Lakutshon’ ilanga, ngexesha lalo
Kuphum’ inyanga endaweni yalo
Yogalel’ elwandle yonk’ imilambo
Konk’ oko kwamiswa njengomthetho

Lonk’ iguny’ emhlabeni nalikw’ umntu
Phezu komhlaba, uhlaza noluntu
Ukuthabathela kwizilwanyana
Kuse kwizinambuzane kwa neentaka
Nakuyo yonk’ int’ esemaphandleni
Ephezu komhlaba kwa nesemanzini

Igunya namandl’ okuthabath’ ubomi
Saleba, sabulala sabulalana nangolwimi
Kodwa kukho gunya limbi, elinamandla
Igunya lobomi, igunya lokoyis’ ukufa
Lona lisesandleni Somnini-Nto-Zonke
INkosi enguMdali wezidalwa zonke

Le nt’ ibubomi yinqaba ezinqabeni
Isisiqalo sento zonk’ ezisemhlabeni
Yimbangela yako konk’ esikumeleyo
Low’ unabo uyanda, avelis’ okuphilileyo
Kodwa kwakuphel’ ubomi, kufik’ ukufa
Lonk’ oloqhayiso luba yimbali, sakufa