Ndiyazisola ngokuthanda!
Ndiyazisola ngokuthemba
ndiyazisola ngokuzinikela kuwe
Ndiyazisola!!
Ndakuthanda ndakuthandisisa mntwana ka Natsika
Ndakuthanda andakuthandabuza mfondini
Ndakuthemba ndazinikela kuwe ntsizwa
Kodwa ndiyazisola!
Wazityand’igila wayiphalaz’imbilini
Undixelela ukuba uyandithanda
nam ndakukholelwa ndakuthemba
Kodwa ndiyazisola!
Ukuba ndandazile kuzakubanje ngeba andizange ndiqale ukukuthanda
Ukuba ndandazile ukuba isiphelo sizakibanje bendingasoze ndizinikele kuwe
Ndiyazisola!
Jonga Namhlanje ndithi Akwaba kodwa Sele ku kwabakile
Ndilila ndodwa ndikhala ndodwa andinamthuthuzeli
Ndigixa ndodwa ingqondo ithatha ibeka andinamcebisi
ndiyazisola!
Bendisithi Uthando lwethu luthando lwababini
Ewe Kaloku kuthiwa Uthando lwababini alusoze lohlulwa naphakade
Kodwa olwethu Uthando luthando lwenginyanginya yabantu
Ndiyazisola!
Wandithembisa sthandwa ukuba uzakundithanda
nam ndakuthembisa ukuba andisoze ndakushiyela omnye umntu
Kodwa ngoku ndohlulekile ndohlulekile!
Ndiyazisola!
Intliziyo ikhathele
Intliziyo idiniwe intliziyo iqhephukile
Ikrazukrile ikrobokile
Ndiyazisola!
Ndivumele amagama othando adlala ngam
Liyinene elithi Uthando aluboni
Nam bendimfamekile
Ndiphaphame Sele kudala ukuba ndizakulimala
Ndiyazisola!