Ndindim mna ndiqhayisa ngobundim
Ndizidla ngesiphiwo sam masincame sibhale isihlahla sam
Akhonto ingako kodwa mna ndiphalaza imbilini yam
Ndiyimbongi
Umbolo andiwubhali kuba xa ndibhala andilali
Kuba lo msebenzi awulilo ibali
Kwaye andinguye umntwana welali okanye unolali.

Ndinguye lo ndinguye ndisaya kude
Nokuba iintshaba zithini asoze ndibhude
Kweyam indlela zizoncama
Zibhude zide zidede kuba ndisaya kude
Ndingumntwana kodwa koomalume nakomakazi ndingutshana
Ndisaya apho ndiya khona
Elam ilanga alikazutshona
Ndiyimbongi ndiyazazi
Kuba ndingumntwana womxhosakazi
Ndihamba emoyeni ndixelelisa iikanyezi
Ukuba awundazi uzondazi kuba ndiphuhlile lulwazi
Igama lam ndinguNcedo Mnconywa kwaye ndiyimbongi