Luyintoni na uthando?
Wena uyimizwa edibanisa imiphefumlo emibini
Wena ungummanyi wentliziyo
Unzulu kwaye uyadakumbisa
Ungumonwabisi nomdakumbisi

Ndiyavuya xa kuthiwa uthando aluboni
Kuba kaloku uSomandla wenza sabona umntu ngaphandle
Hayi ingaphakathi lakhe

Thando ubaxhaphazile abantu
Abanye balele ukuthula ngenxa yakho
Kwakuyintoni imbangi yakho?
Kwakutheni ukuze ubeyinto ekhoyo emhlabeni?
Uyabona ukuba ngoku sixhomekeke kuwe?

Imizwa yabantu uyiyaluzisile
Wabashiya bengazazi noba bangoobani na
Ewe thando uyingxenye yempilo kodwa ngamanye amaxesha uyakhathaza
Iintliziyo zabantu zijaja, ligazi ngenxa yakho

Ingaba wonelisekile na?
Ingaba kulungile xa kuphela isizwe ngenxa yakho?
Ingaba lento iyoze iphele na?
Ingaba sohlala sikoyika kude kubenini na?

Kunzima ukukuchaza thando kuba unzulu njengolwandle olubanzi
Singakwazi ukuphila ngaphandle kwakho?
Ubomi ngumzamo ngakho ke uyadingeka
Ndikuhloniphile, ndifunde nto kuwe
Ithemba alibulali
Kwaye ekunyamezeleni ukhona umvuzo