Ndivumeleni sizwe sase Afrika ndithethe ngalentsindabadala yobhubhane i Covid19, Ndivumele ndithethe noQamata ndiphose igada ndibhekise kumveli nqangi ngale nyewe.

Sifondini usityikatyikile wasiqweqwedisa Isizwe soMzantsi Afrika, awukhethanga bala lamntu abantsundu naba mhlophe. Kunjenje namhlanje Izindlu, Ivenkile neecawa zivalwe mba amasango kuba koyikwa wena bhubhane ndini. Iintshukumo zelilizwe zimile ngxi nguwe mtshabalalisi ndini, Kowu! saphela Isizwe sama Afrika sijongile ngenxa yakho sifo ndini.

Sikubonile usiza kodwa khange sikuthathele ingqalelo kuba sisithi umncinci, ungena kancinci emzimbeni womntu okwenyoka namhlanje imizi emininzi inxunguphele kwaye kutsho izijwili kuba abantu bashiywe zizihlobo zabo ngenxayakho bhubhane ndini.

Izibhedlele zigcwele ziyaphuphuma, Amangcwaba agcwele ayaphuphuma, Izikolo neecawe ziyalambatha zikhala ibhungane ngenxa yakho sifo ndini. Amaphupho neminqweno ebesinawo ngalonyaka ka 2020 onke atshabalele.

Ndithi kuni sivumeleni Isizwe somzi kaPhalo khe sijonge mandulo, sikhe siqhumise siphose amathambo sivule nezibhalo sibuyele kuThixo wokhokho bethu hleze kanti uQamata angasiva nengqumbo yakhe ishenxe kudede ubumnyama kuvele ukukhanya.