Phula-phula ndim umqulu ozaliswe ngamazwi enene,
Kaloku apha kuzele amamene-mene; akho mhlobo.
Wakuphumelela bakufuna ngerhenqe,
Kambe bakreqe,
Bafele ngaphakathi njenge flas’khi,
Akho hamte ngoba abakhi,
Nto nje baqulethe amayelenqe.
Umzimba wabo uzaliswe yinkohlakalo,
Bangathi bahleka nawe kanti bahleka wena;
Mntakwethu lumka akho mhlobo wenene,
Bajika babe zinyoka;
Jonga ubokrokra!
Ngamazwi bayadobelela,
Kanti iintliziyo zizaliswe bubuthi.
Ndithi kuwe umchiza ongangesinyithi kukuzazi nokuzilolonga
kwimvaba ngemvaba zobom.

Yetyisa ngencwadi yeMizekeliso kunye neyeNtshumayeli kumqulu kaNtsikana;
Ukuk’xhobisa, ngenene uzawuz’fumana iimpendululo,
Inene awunakulahlekelwa ngumphefumlo.