Sekulithuba ndithandaza, ndikucela ndikucenga.
Kodwa Nkosi awubonakali uzibaza iindlebe zakho.
Awuliva ilizwi lam, awuziboni iinyembezi zam.

Ingaba ludongo luni olwabumba leyam inyama?
Ngumhlaba mni lo wabumba mna
Ngumhlaba mni lo wabumba mna ungawuthandiyo Somandla?
Ingaba libala lam na? Okanye kukwenza kwam?

Kanti mna Nkosi andizange ndizalwe ngumfazi na?
Ude ulizalise nini idinga lakho kum? Asisakukhathazi na isikhalo sam?
Kanti mna kokukufuna kwam ndide ndifumane nini?

Kokukunkqo-nkqoza kwam ndide ndivulelwe nini na?
Ezam inyembezi uzosula nini nkosi?
Ude uyizise nini inzolo kowam umphefumlo?

Kusuke kwangathi uva eyabathile imithandazo,
Iintsikelelo zakho uzinikeza abakhethekileyo abantu.
Ukuba ke kunjalo, kanti mna andingowakho na?