Ewe lona liyoyikeka kuba likhulu
kwaye liyathandabuzeka iphupha
Kunjalo nje ngamany’amaxesha
Liyonqeneka iphupha kodwa into
Endiqineseke ngayo,

lona lihlala likhona lilindele
Umnikazi walo alifezekise iphupha
Iphupha asiyonto yodlala lifuna
umntu oqinisekisekileyo nozaziyo
ufuna ntoni ebomini iphupha
alimfuni umntu olinqenerha
Alimfuni umnt’okhawlezayo
uzlahlintambo

Iphupha alimfuni umntu ova ngabantu,
Alimfuni umntu ova ngeetshomi
Alimfuni umnt’otyhafayo xa ecekiswa,
Kuba abo batyhafisayo, ngabo
bangazange bawafezekise awabo
amaphupha,

Iphupha lakho kalok alilulanga, yiyo
lonto endleleni eya kulo kuzobanzima,
zokhubeka ubetheke uphum’induma,
Kodwa, Ukuba nyani uyalifuna iphupha
lakho, uzophakama uzvuthulule

Iphupha lifuna umntu olihloniphayo
Iphupha lakhe, lifuna umntu
Olisebenzelayo, ancame ezinye
Izinto zakhe ezibalulekileyo
Ngenxa yalo, iphupha lifuna
Umnikazi walo abenomonde angadinwa
Ngokukhawleza.

Lifuna umntu ongazithandabuziyo,
Ozazi ngqo into ayfunayo, ye mahn
Ndithi iphupha lifuna wena mnikazi
Walo uzithembe, ujonge phambili
Empumelelweni, ukuba wenze njalo,
Uphumelele ebomini