Indawo endisuka kuyo apho uthi usalele uvuswe lithole lenkomo likhala “mhoo!!!” kuba lifuna unina
Indawo endisuka kuyo apho uva isikhalo somfazi sisitsho kanti uyagetyengwa, apho ikati ilele eziko kuba akusabaswa akhonto yopheka
Indawo endisuka kuyo apho bathi abanye bekorobha/be mopha i(tiles) wena funeka uyokha ubulongwe usinde, apho kulinywa ngenhlabi, kungqushwe phantsi.
Indawo endisuka kuyo apho abazali bahlala benexhala ngabantwana babo kuba bangagetyengwa, apho abazali bancama esabo isitya bancamele abantwana.
Indawo endisuka kuyo apho abantu bangajonganiyo emini kodwa ebusuku bayazana, apho kuthwa umtshayelo uyabhabha kodwa zange sawubona.
Indawo endisuka kuyo apho kuthiwa “kukwa zembe litshona nomphini” kodwa mna ndithi isiziba siviwa ngodondolo.
Indawo endisuka kuyo Butterworth (Gcuwa) kasi lam.