Hoyina! Hoyina! Valani imilomo, nivule indlebe.
Awu mantsundu nani mangxongokazi.
Ndivuleleni amasango ndingene ndifuna
uthetha ngotatomkhulu lona uleli apha.
Awu mngxongo omhle usishiyelani kulomhlaba?

Sophitsho omhle waze wabushiya ubuhlungu
emantsundwini. Waze wazishiya iinyebembezi
emangxongweni sisengabantwana nabazukulwana
sisafuna uthando kutatomkhulu wethu.

Lala ngoxolo sopitsho olwakho ugqatso ulufezile
emangxongweni wasenza sabanye sahlala sikuthanda
kwaye nomfanekiso wakho uyahlala ehleli
ezingqondweni zethu nokuba ungangabikho
ngokwenyama kodwa ngoku moya uyahlala uhleli.

Phumla ngoxolo ngqolomsila iyabonana kwelizayo.
Nalapho uyokuphumla khona yeyem womelele
Ndeegrham! Iyhoo.