Ndicel’ungandibuzi nam andazi
Ndicel’ungakhali kum nam andinazisombululo
Nath’indlel’ibuzwa kwaba phambili kodwa nabo babhidwe yinj’ukuvuthwa
Nath’isala kutyelwa sibona ngolophu kodwa abasekho abasityelayo namhlanje

Oxam bayaphaxulana
Le idlula’madolo
Namatshantliziyo ahlulekile
Amadelakufa awuzamil’umzamo
Sifondini wawubuyaphi?
Ewe kaloku intloy’iphum’emasini

Silivile ivumba lakho sanyilana
Ngubani hayi akundim nguye naye akayazi uyifakiwe
Akukho ude avume ukuba uze naye
Kodwa siyazi awuyonkedama
Baph’abakuni, ziph’izihlobo zakho
Phindel’ekhaya Corona asikwazi thina

Zange ndasibon’isifo esingakhethiyo sinqunqa kwanto
Zange ndasibon’isifo sibhabh’emoyeni
Ungumbulalazwe, awunaxolo kusini na
Makulale iziphunzi noko ngoku

Sesilixhama litolwe ngabathwa ngoku kuwe
Yhini Corona goduka ewe ubathathile abaninzi akusenani kodwa ungaphindi ngoku
Sekuphele nomphanda wenyembezi ngoku kukulila,
Awugwebeki awugomeki ntonje uyabulala

Corona usenzile, tshu kuvakele
Awukhethanga zikhulu namakroti
Awukhethanga zityebi namahlwempu
Usibonisile ukuba akhonto iyimali nabutyebi ekufeni
Wasibonis’ukuba akhontw’ikukuthemb’el’emntwini
Ithemba linye ngumdali wento zonke

Engapheliyo iyahlola
Nezaqhwithi nenqwithelo zifika zidlule
Nawe liyez’elakho ixesha

Bafa abantu okwamaphela nguwe
Zaxhwaleka intliziyo zethu nguwe
Siqalenini ukungakwazi ukuphuma phandle sisezele umoya sikhululeke

Sifo ndini sigawula singethi
Uyingonyama ezingel’imini nobusuku ifun’ubani engamqwengayo
Hambakhaya bayakudinga
Kwanele!