Luyavakala ulwamvila lale ntsholongwana icorona
UMzantsi Afrika elishweni gxebe ulila ezimathontsi
Ngenxa yakho gangqongqo nini
Kalok’ usihluthile amasiko nezithethe zethu mfo wasemzini
Kungoku nje asisenako nokungcwaba izihlobo zethu ngesidima nesthozela

Kowu! ndikothulela umnqwazi mfo kaNatsi, ndikugxeka, ndikugxibha, ndikutyabeka gxebe Ndikubeka amabala
Utshotshentla kweli loMzantsi Afrika
Uthe usakukhankanywa njengento engento waqiniseka kwelokuba uzakuzivala ngci iintshukumo,
Wandiqwela wandibhida xa uvala amaziko ezemfundo kanye apho kukho khona iinkokheli zangomso,
Ingaba usindwendwele ngantoni apha ekhaya kuba asikudingi nganto?
Ngaba akusekho nempunde le isihlangule?

Awonelanga kukusixutha amasiko
Ubuphelisile ubulele eluntwini kuba awufun ukusibona sixhawulana izandla
Mhlawumb’ awundiva ndithini
Ndithi usohluthe inqatha emlonyeni
Kuba asisenako ukuyokuphangelela intsapho zethu
Sibeke isonka etafileni ngaba sizokujonga lemvuthuluka iwa kurhulumente kude kubenini?
Bendikade ndisiva kuthwa umntu ubethwe ngemf’iphindiwe
Kodwa kwesi isihlandlo ndizivile
Asisakwazi nokuyoku khanyisa amakhandlela etempileni sicele usombawo asithethelele
Mawashukume amathambo alele ukuthula
Qamata yizangokwakho

Mandithi tsi gxada ndimkile!!!