Ndihleli ebugxwayibeni,
Ndahlala entlungwini,
Kuba kaloku bendizixelela ukuba ungutata kum.
Waphenduka wasisilwanyana kum.
Lindiqwengile ibhubesi elingutata de ubom ndabubona ngenye indlela.
Endleni yentlalo ndide ndalahlekwa nazintonga zokuqula.
Bandincedi.Mna ndixelela uNoterah, uMato, noNomfundo. Ewe bandincedile.
Ngendifele endleleni kodwa bavelile. Ndikuxelela ngamagorha obom . Xa kunamhlanje ndiswele amazwi okubulela kuba bandincedile.
Ndiqula kuqhawuke unobathana kuba ndizalwa ngamagorhakazi nam ngoku. Ndiyinto evundlileyo kuba ndizalwa ngamabhaku.
Bandincedile babukhulule babusindisa ubom bam. Bandincedile!!!