[Laphela olo suku kungakuhlanga kwaphela kuZolile. Kusuku olulandelayo uZolile uphinde wabamba ingxoxo kunye no Dilika.)

Dilika: Zolile ndikunikile ixesha elaneleyo ngoku ke ndicela undinike usuku olukhethileyo okanye oluthandileyo.

Zolile: Maulume, bendikhe ndacinga ukuba ulenze ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kulenyanga ka Disemba.

Dilika: Tyhini! Wakhetha kanye olusuku bendilucinga mfo wam. Ngoku ke ndifuna siye kukhetha inkomo oyithandayo pha kwamakhelwane.

Zolile: Kulungile Malume. Unenceba, soze ndikulibale ebomini bam bonke.

Dilika: Mamela ke mtshana wam. Lento andiyenzi kuba ndifuna imali yakho. Ntonje ndifuna ukukonwabisa. Ndifuna babone nabanye ukuba intle into oyenzileyo. Nokuba ungathi mhla wasebenza uhlale phesheya kolwandle andinandaba.

Zolile: Ndiyakuva Malume.

Dilika: Kuhle xa undiva Mtshana. Ndandingenzi ngabom mhla sasingcwaba umama wakho ntonje ndandi senziwa yintlupheko.

Zolile: Malume ndiswele amazwi okukubulela qha ngoku. Indlela endivuya ngayo apha ngaphakathi andikwazi kuyichaza.

Dilika: Bhala izimemo ke mfo wam. Qalisa ngoku.

Zolile: Kulungile malume. (Ebhala.)

(Uzolile wasibhala esosimemo emva koko wayakusixhoma evenkileni ukuze wonke umntu asibone. Uthe wakugqiba baya kuthenga inkomo kwamakhelwane)

Deleza: Kowu! Kwedini yiza ndikubambe ngesandla esi sam (Esondela uZolile.) Usebenzile nyana. Intle into oyenzileyo mzukulwana. Le nkomo oyikhethileyo iyabiza ngama R10 000 ngoko ke soze ndiyithengise.

Zolile: (Ebonakalisa ukudana.) Malume soze ubenayo imali engaka!

Dilika: Xa kunyanzelekile izakubakho mtshana, sinike xhegolam. (Ebhekisa ku Deleza.)

Deleza: Hayi mfo wam, intle into oyenzileyo kwaye ndiyithandile. Kaloku mntwana wam ndingu makhelwane. Ndiyayazi imeko ubuphila phantsi kwayo. Kodwa kobobunzima ukwazile ukuphumelela. Ngoko ke thatha lenkomo uyifunayo ndiyakupha ngaphandle kwentlawulo. Ungumzekelo omhle kwabanye abantwana.

Zolile: Ingathi ndiyaphupha Tatomkhulu. Enkosi Tatomkhulu ndiyabulela kakhulu!

Dilika: Siyabulela xhegolam ngenceba yakho.

Deleza: Kubulela mna mfowani.

(Yayiloo mincili kuZolile. Wayengathi uyaphupha. Wonwaba de yaphela loo veki).

*****

(Lude lwafika usuku lombhiyizo kaZolile. Abantu bazala bama ngeembambo kweloholo lasekuhlaleni kuyinkungu nelanga.)

Titshalakazi: Inzolo bahlali! Mandibulise wonke umntu olapha. Mna ke ndingu Thozama Mguzumbane, utitshalakazi ka Zolile. Lo mntwana ngumntwana obengahoyekanga nje kwabanye abafundi. Ubezithanda iincwadi zakhe. Nabahlobo bakhe bebeba namaxesha okumkhuba. Namhlanje silapha ukuzovuyisana naye ngento ayenzileyo. Enkosi kakhulu Zolile ngento entle kangaka oyenzileyo apha eSt Matthews High School. Ulufezile ugqatso ndiyabulela.

MC: Masinikezele kumama welikhaya.

Mavambane: Enkosi MC, ndiyabulela. Mandibulise kubantu bonke abalapha. Mna ke ndingu Malumekazi ka Zolile. Ndim ebehlala naye ixesha elide. (Walila) UZolile ngumntwana onothando. Naxa kukho into angayithandi akadli ngakuchaza. Ngumntu othanda uxolo. Inoba abanye abantu banemibuzo yento yokuba kutheni ndimhlukumeza. Kanti hayi bendingamhlukumezi ntonje bendimakha naye uyayazi loonto. Ndiyamthanda kwaye ndiyabulela ukuba ede waphumelela. Enkosi.

(UMankosi uhleba noMamgcina.)

Mankosi: Tyhini! Lomfazi ucinga ukuba singabantwana na?

Mamgcina: Nawe uyayibona kanti lento?

Mankosi: Kutheni exoka nje esithi ebemthanda kodwa ebemhlalisa phandle?

Mamgcina: Yhu! Sisi sisimanga into ebeyenza kaloku lomfazi. Futhi mna soze nditye kwanto endiyinikwa nguye.

Mankosi: Yho! Sisi angambulala umntu lomfazi. Kwale nkedama inguZolile ikhule ebunzimeni kaloku sisi ibisitya nezinja phandle.

MC: Inzwi kaloku bantwana abahle abathandwa ngu Thixo. Sele sigqiba ngoku, masinikele
ku tata walapha.

Dilika: Molweni bahlali. (Ephakamisa isandla.)

Abahlali: Ewe.

Dilika: Nhoko ixesha sele lihambile kodwa kufuneka sonwabe siliyeke ixesha. Okokuqala mandibulele kootitshala bonke abafundise uZolile. UMiss Thiya, Miss Maliwa, Miss Njani, Mr Nomnandi, Mr Mali, Mr Zungula, Miss Siyothula, Miss Gxalaba kunye ne nqununu uMr Sentiwe. Ndibuye ndibulele koomakhelwane bam bonke. Ndicela siqhwabele uTatomkhulu uDeleza ndicela, uphakame tata wam. (Waphakama.) Nanku umntu onikele ngenkomo eyipha umtshana wam uZolile. Siyabulela tatomkhulu ngomsebenzi owenzileyo. Asizukuyifihla ke bahlali balapha, niyayazi intlalo kaZolile. Leyo into soze ifihlwe. Abanye abazange beve ukuba umama walo mntwana wasweleka ukuze ahlale lentlalo ebeyihleli apha uZolile. Mntwna wam, ndicela ulibale ngezinto ezikuphathe kakubi ebomini. Kaloku lento ibubomi ngamahla ndinyuka. Uqhubeke uyephambili nezifundo zakho ukuze ubengumntu ohloniphekileyo nawe ngenye imini.

Dlomdlayo: Yho! Yho! Yitsh’uphinde mfo ka Dilika.

Dilika: Ngoko ke nyana unyamezele. Uyiginye noba ikrakra uyibeleke noba ikrwentsa. Kuba akululanga tu emhlabeni Zolile. Noluntu! Phakama. (Ephakama.) Yintombi yam ke le. Yiyo ebimthanda uZolile. Zonke izinto ebezithi zenzeke bendiva ngalomntwana. Naye kunyaka ozayo uzakwenza ibanga leshumi elinesibini. Bazali ndicela nizifundise ukuphatha iinkedama ngendlela efanelekileyo. Ngaloo mazwi ndiyabulela.

MC: Enkosi tata kowu! Tata ingase uphinde lamwazwi athi yiginye nokuba ikrakra uyibeleke nokuba iyakrwentsa kuba kaloku lento ibubomi, ngamahla ndinyuka. Masinikezele kuNoluntu uzakukhe abethe koomofu enze amazwi ombulelo.

Noluntu: Molweni. Igama ndingu Noluntu umzala ka Zolile. Nam ndima nokubulela ukokuba umzala wam ede waphumelela ebunzimeni. Andinamazwi amaninzi Enkosi. Enkosi. (Elila.)

MC: Kowu! Thula sisi. Bantu bakuthi kubemnandi kwitheko lika Zolile. Asikatyi ke kodwa. Ndithi malibe mnandi. Mandithathe elithuba ndinikezele kusingaye apha kulomzi walapha kwaGcina.

Zolile: Enkosi MC. Molweni nonke. Ingathi ndiyaphupha mna namhlanje. Ndibulela ukubona isebe lezemfundo likwazile ukuzakufikelela apha. Ndiyazibongela kuMdali wezulu nomhlaba. Andikholelwa ukuba into enje ngam iphumelele ibanga leshumi elinesibini. Kaloku mna bendinxiba amadlakadlaka empahla esikolweni, abanye abantu becinga ukuba ndiligeza kwaye inoba bayothuka xa bendibona namhlanje.

Ngamanye amaxesha bendiye ndicinge nokuzitshabalalisa ngenxa yempilo ebendiyiphila. Ngokwenene ekunyamezeleni ukho umvuzo. (Walila.) Ndibonga kakhulu ku mzala wam uNoluntu ngayo yonke into andanzele yona. (Esosula inyembezi). Soze ndimlibale nokuba sele kumnyama entla. Enkosi kakhulu. (Walila.)

MC: Ndiyabulela bhuti. Mhle kakhulu umsebenzi owenzileyo bhuti. Qhubeka ufunde ukuze ubengumntu omkhulu ngelinye ilanga. Kuba xa unyamezele uzakubakho umvuzo. Zolile, bakhona esele befunde nto apha kuwe. Zimisele ke bhuti. Masiphakameni sonke sicele utata uJika asivalele ngomthandazo.

Jika: Bawo onamandla onke. Besicele kuwe xasingena, nangoku kenkosi phinda phinda uphume nathi usikhusele. Yanga ufefe lwenkosi yethu lungahlala kuthi sonke kuze kubuye uMdali wezulu nomhlaba. Amen.

MC: Enkosi tata. Ngoku lixesha lokuba wonke umntu azifumanele into etyiwayo. Enkosi.

(Kwabamnandi kuZolile lonke olo suku. Izipho ezazilapho ndingabala kutshone ilanga.)

***

Sixelele: Ucinga kuzokwenzeka ntoni ngoku?