(Ngolwesihlanu ezintsukwini uZolile usuka esikolweni uyokungena endlini yakhe yokulala wakhwazwa nguMavambane.

Mavambane: Zolile yiza apha ngoku.

Zolile: Malumekazi! (esabela)

Mavambane: Ukugqiba kwakho ukukhulula uthathe zonke ezi mpahla uyokuzihlamba.

Zolile: Ezingaka Malumekazi? Ndicela nooAbongile bandingcedise.

Mavambane: Uqale nini ukufuna uncedo? Uyandiqhela Zolile?

Zolile: Uxolo Malumekazi. Bendicela ukutya Malumekazi, khange sitye namhlanje esikolweni.

Mavambane: Ubuthunywe ndim ukuba ungatyi? Khona ucinga ukuba ngubani ophekayo xa ungekho? Akukho ukutya, yenza lento ndikuxelela yona ngoku.

Zolile: Ndingazihlamba nezam Malumekazi?

Mavambane: Awuyiboni ukuba incinane isephu?

Zolile: Kodwa nezam iimpahla zimdaka Malumemekazi.

Mavambane: Uthi ndithini mna ngalonto?

Zolile: Kulungile (Watsho ethatha iincwadi zakhe ezibeleka emqolo.

[Waphuma waya kuthatha ezompahla njengoko ebeyalelwe uZolile wahamba nazo esinge emlanjeni eyakuzihlamba. Uthe esahlamba kwegqi uNoluntu ephethe amagwinya gephepha.)

Noluntu: Yhu! Zolile iimpahla ezingaka unexesha bhuti.

Zolile: Andinalo tu ndikuxelele Noluntu, ntonje ndithobela umthetho.

Noluntu: Hayini! Nazi nje nezam apha, zifunani?

Zolile: Ngumama wakho uthe mandithathe zonke iimpahla zenu ndizishiye ezam. (waqalisa ukuziphalaza ezishushu)

Noluntu: Ungakhali mzala ngenye imini kuzakulunga ngxe. Phofu sele utyile wena?

Zolile: Andikhange ndikuse okuya phantsi kwempumlo oko kusile.

Noluntu: Nanga amagwinya endikuphathele wona, yitya sizokuhlamba iimpahla.

(Wathi ukugqiba kwakhe ukutya uZolile wathatha zonke iimpahla bazihlamba noNoluntu)

Noluntu: Kakade Zolile, kutheni ungayi kutata wakho ngoba kuyacaca ukuba akakufuni umama?

Zolile: Noluntu, andimazi utata wam andizange ndeva nditsho negama lakhe.

Noluntu: Kanene ebekhe watsho umama ukuba wena wawusithi ufuna ukumazi.

Zolile: Ewe ndandikhe ndazama kumama kodwa akazange andixelele. Ingabe wena akumazi?

Noluntu: Ngu Sihle Dimbaza wase Monti. Ndicela uze ungatsho nakubani ukuba uve ngam
Zolile.

Zolile: Ingaba wena umaze kanjani?

Noluntu: Ndaxelelwa ngumama.

Zolile: Ndiyazisola ukuba ndandiphilelani emhlabeni mna kuba ayikho eyam. (zehla zilandelelana iinyembezi)

Noluntu: Zolile, uThixo udale wonke umntu ngenjongo. Akekho umntu odalelwe ukuhlupheka. Musa ukuba nexhala, nawe uzakuba nezinto zakho uphile njengabanye abantu nangaphezulu ngenye imini.

Zolile: Nini Noluntu? Khona ukuba ndiliphumelele ibanga leshumi elinesibini ndizakuthini?

Noluntu: Sulahla ithemba Zolile. Masihambe ingathi sele kuqalisa ukuhlwa ngoku.

(Bathwala iimpahla bangena endleni bagoduka.)

*****

[Kwavalwa izikolo kwiiholide zikaJuni. UZolile uvuke ekuseni waxoxa noNoluntu.)

Zolile: Noluntu bendicinga ukuba ndike ndiye kukhangela utata wam okwelithuba kuvalwe izikolo.

Noluntu: Kulungile Zolile kufuneka uhambe kwangoku besalele. Khona unayo imali eyaneleyo?

Zolile: Ewe ikhona Noluntu, mandiqhawule usale kakuhle.

Noluntu: Uhambe kakuhle nawe. Ndilunqwenelela impumelelo uhambo lwakho. (Bongana wade walila uNoluntu.)

[Kuphele iveki uMavambane engamazi uZolile ukuba uyephi. Uvuke ekuseni wabuza kwabanye abantwana.)

Mavambane: Abongile uphi uZolile?

Abongile: Mama uZolile ndimbone izolo ehamba namanye amantombazana waseGxaku.

Mavambane: Tyhini! Utyaphi?

Noluntu: Uhleli engaphakelwa nje nalapha. Futhi kufanele ukuba wonwabile engekho nje.

Mavambane: Uzakundiqonda ukubuya kwakhe ngaloo mini athe wabuya ngayo.

Noluntu: Mama, wakwenza ntoni uZolile?

Mavambane: Ngumama wakhe mntwana wam owayendihleba kabuhlungu.

Noluntu: Ngoku ucinga ukuba xa uphethe uZolile kakubi uphindisa kumama wakhe?

Mavambane: Hayi khawundiyeke Noluntu.

Noluntu: Wena Abongile yeka ukuphapha. Musa ukugezela omnye umntwana. Ayikho into edala ukuba uxoke ngoba uZolile useMonti.

Mavambane: Uyokwenzani apho? Khona kutheni lento engatsho xa ehamba?

Noluntu: Mna ndimxelele igama likatata wakhe. Futhi andisiboni isidingo sokuba ade atsho xa ehamba kuba akukho mntu umkathaleleyo apha endlini.

Mavambane: Waze wandenza Noluntu, umxelelentoni? Ndifuna uZolile asokole.

Noluntu: Sele ndimxelele ke mama.

(Emva kweeveki ezimbini kufike uDilika esuka eRhawutini.)

Dilika: Nqo! Nqo! Nqo!

Mavambane: Tyhini! Tata Molo.

Dilika: Molo Nkosikazi. Baphi na abantwana?

Noluntu: Sithi aba tata.

Dilika: Tyhini! Usapho lwam madoda. Uphi omnye?

Mavambane: Kwewu! Uyamazi kaloku uZolile tata ngokudlala. Usaphumile.

(Latshona elaloomini konwatyiwe kodwa uNoluntu kungekuhlanga kwaphela kuye. UNoluntu uvuke ngenja ixukuxa wayokuxelela utata wakhe kabanzi ngalento imtyayo.)

Noluntu: Tata ndiyaxolisa bendingenakuthini. (Echiphi-chiphiza.)

Dilika: Yintoni sana lwam?

Noluntu: UZolile tata ndimxelele iinkcukacha ngo tata wakhe.

Dilika: Intoni? Umxelele? Uyasazi isizathu esibangela into yokuba angaxelelwa ngumama wakhe?

Noluntu: Tata ibindiphethe kabuhlungu mna intlalo kaZolile apha ekhaya.

Dilika: Uthetha ukuthini Noluntu? (Ephakama ema ngenyawo.)
Noluntu: Tata, uZolile uphila impilo ebuhlungu apha ekhaya. Umama umenza isisebenzi salapha. Ulala endlini yeenkukhu. Ngamanye amaxesha akaphakelwa futhi uhlanjiswa neempahla zethu.

Dilika: Hayi Noluntu andiyikholelwa lento uyithethayo. Phuma bendisalungiselela ukuya edolophini.

(Waphuma uNoluntu. Uthe wakugqiba ukulungisa uDilika wahamba ways esitopini.)

*****

(Ngengomso uDilika uvuke ekuseni waya kwigumbi lokulala likaMavambane.)

Mavambane: Tata kukhona apho uyakhona wavuka ekuseni kangaka?

Dilika: Mavambane uphi uZolile?

Mavambane: Tata uZolile uziphethe apha endlini. Akafuni ukwenza nenye into. Sekulithuba ngoku engekho.

Dilika: Mavambane ndithe uphi uZolile? Uxakwe ngumbuzo lento uphendula endingakubuzanga?

Mavambane: Andimazi ukuba uyephi tata.

Dilika: Kuqhubeka ntoni apha Mavambane?

Mavambane: Ngantoni tata?

Dilika: Uyamazi ukuba uZolile ngumntwana kadade wethu?

Mavambane: Ewe tata ndiyamazi.

Dilika: Phofu yintoni ebangela into yokuba umphathe gadalala ngoluhlobo?

Mavambane: Njani tata?

Dilika: (Wamqhwaba ngempama). Ndithe mandingathi ndikubuza nawe undibuze! (Emjonge mpo ebusweni.)

Mavambane: Uxolo tata. (Esothula isikhalo).

Dilika: Uyangxola Mavambane thula! Uthi bathini abantwana apha phandle? Abongile! (Ekhwaza)

Abongile: Tata! (Esabela)

Dilika: Fika! (wangena kulondlu uAbongile enexhala kuba ebekhe wava isikhalo). Uphi uZolile?

Abongile: Andimazi tata ukuba uyephi.

Dilika: Xa ucinga uhanjiswe yintoni apha?

Abongile: Ingxaki akafuni kumamela umama tata.

Dilika: Kwedini, unyanzelwa yintoni ukuba uxoke? Ndiyintanga yakho? Kutheni undenza isibhanxa nje? (Ethatha imvubu). Khulula!

Abongile: Uxolo tata.

Dilika: Ndithe khulula. Mavambane ndim intloko yelikhaya siyevana? (Wambetha uAbongile okungathi akabethi mntwana)

***

Yitsho: Ucinga uZolile uzokuhamba njani? Uziva njani ngoDilika?