(UAaron uzifumanela elinye ixhoba emveni kwentsukwana nje uMbali efihliwe)

UAaron: Hello princess

UZandile: (Ebheka-bheka) Uthetha nam mfundisi?

UAaron: Ewe dear.

UZandile: (Uyama) Yes sir?

UAaron: Zandile ndiyazi ukuba uva kabuhlungu ngomhlobo wakho.

Uzandile: Ewe mfundisi kodwa kuzodlula. Unjani wena titshala wam?

UAaron: Kuyaphileka pha napha. Kuzodlula wethu my dear. Zandile nje ngokuba uMbali engekho ndicela wena ubesisithandwa sam.

UZandile: (Uyothuka) Intoni? Asoze kaloku, angavuka engcwabeni uMbali. Unotshe mfundisi.

UAaron: (Usondela kuZandile) UMbali ebenokuthanda ukuba ndithuthezelwe nguwe. Uyayazi bendimthanda kakhulu, ukuba kutheni ethathe umphefumlo wakhe no womntwana wethu, andiyazi. (Uyantywizisa)

UZandile: Kulungile, singazama mfundisi

(Kusemva kweentsuku UAaron noZandile behambisana. UZandile akasamameli nabazali bakhe, ulala no Aaron kwi hotele yodidi. Kolu usuku, UAaron ungena kwi gumbi elifundela uZandile)

UAaron: Zandile yintoni i nerve? (Akaphenduli uZandile)

UAaron: Ndiyabuza Zandile. Wasuka wandithi phuhlu ngamehlo. Phakama!

UZandile: (Ngetshiki) Andiyazi.

UAaron: Zandile unetshiki. Ufika usozela apha xa sifundisa. Kucacile le nkunzi ye nkwenkwe ayikulalisi.

UZandile: (Uthetha yedwa) NguAaron lo undihlaza kanje? Kutheni bethu?

UAaron: Xa ndiphuma apha Zandile undilandele.

Uzandile: Kulungile mfundisi.

(UZandile ungena kwi ofisi kaAaron)

UZandile: (Uyagibiseleka) Aaron, kutheni undijongisa ngabanye abafundi? Kutheni ungandixeleli xa unengxaki nam?

UAaron: Ingxaki nawe? Hee! Zandile, mna ndibenengxaki nomntwana wesikolo? Hayi sisi, hlaba ukhangele.

UZandile: Kucacile ke le nkunzi yenkwenkwe nguwe.

UAaron: Zandile andikubizelanga lo nto mna apha.

UZandile: (Ekruqukile) Undibizeleni ke?

UAaron: Ndicela Zandi my dear uye kugqirha akuhlole, obubuthongo bakho andibuqondi.

UZandile: Kulungile dear ndizakuya .

Yitsho: Ingaba usola ntoni kuZandile uAaron?