(NguLwesine weveki yesibini. UAaron uhleli noMbali)

UAaron: Mbali sithandwa sam ndiyaxolisa ngako konke endikwenzileyo kuwe. Ndiyakuthanda, uyayazi nawe. Kudala ndikukhumbula. Nal’ubisi sithandwa sam. Sela ukwenzela u-big boy azokuba segazini.

UMbali: Enkosi Dlamini, bendicinga ukuba awuzange usithande tu mna no Big boy.

UAaron: Kulungile Mbaliz, (Uyacinga) Yho! Akandazi shame lo. Andingekhe ndiphelelwe ngumsebenzi wam ngenxa yommtwana o useless ongazaziyo ukuba ufunani.

(Walusela ngexesha lwesikolo lokuphumla ubisi awayelinikwe nguAaron uMbali. Kuthe emva kwexeshana ebuyele kwigumbi lokufundela wabona igazi lisehla ngomlenze wakhe. Uyewasitsho isikhalo. Wathathwa ngootitshala wasiwa esibhedlele)

UGqirha: Mbali uphume isisu sisi.

UMbali: (Ekhala) Njani ukuba abulale umntwana wethu. Bekutheni ukuze ndingamboni ukuba uAaron uzobulala umntwana wam ngoku ebendikhuthalele ngokundiseza ubisi?

UGqirha: Mbali ngubani uAaron?

UMbali: (Ngesingqala) Ngu… Ngu…

UAaron: (Ungena kwigumbi elino Mbali) Mbaliz, I am very sorry.

UGqirha: Mbali sizakubuya sincokole. Mandinishiye. (Uyaphuma).

UAaron: Mbali nizakuncokola ntoni nalo gqirha? Uze nje ulinge, uyithi vu emntwini lento. Ndizakubulala ngezi zam izindla, wena nabazali bakho.

UMbali: Yintoni kodwa le uyenzayo? Ude ubulale umphefumlo ongenatyala! Ngoku uzakulandelisa mna nabazali bam? Uyayazi ukuba ulibulele ikamva lam?

UAaron: Ndingena phi mna kulonto?

(Sekudlule iiveki ezimbini uMbali engalubeki esikolweni. Kungenjikalanga yangoLwesibini, kuhlei uAaron notitshala omkhulu)

UAaron: Nqununu uyayibona le nto yenziwe ngulomfundi, uMbali, usinike umfanekiso ombi esisikolo. Lithi elam, makanqunyanyiswe ixeshana apha esikolweni.

UThandiwe: Ndikwelo lakho lam nam titshala.

(UMbali ubizwa nguThandiwe e-ofisini akuba ebonile ukuba ukhona esikolweni)

UThandiwe: Mbali, siphoxeke kakhulu nguwe. Ndiyakucela mntwan’am, sibone kulo uzayo unyaka.

UMbali: (Othukile) Hayi ngeke, ezi izigqibo ayizozakho titshalakazi omkhulu zezikatitshala uDlamini. Kodwa ndiyabulela ngokundazisa mfundisikazi omkhulu.

(UMbali ufika kokwabo axele akuxelelwe ngutitshalakazi omkhulu)

UMama kaMbali: Mbali, uyazibona iziphumo zokungasimameli xa sithetha? Uphuma apha mihla le usithi uya esikolweni, kanti uya enkwenkweni. Mbali ngumdusubana wenkwenkwe yaphi le uthe phithi-phithi yiyo? (UMbali uyantywizisa, abaleke aye kuzivalela egumbini lakhe lokulala. Ungena athabathe usiba lokubhala kunye nephetshana, abhale ‘Uthando’.

UThando

Luyintoni na uthando?

Singathi xa umntu engenawe uyintoni?

Sisilwanyana uqobo?

Nasilwanyana ingonyama.

Ingcono nengonyama;

Iyayilwela into yayo.

Mandikuxoxele ngeyam imbali yothando.

Ulonwabo lwalulelethu.

Uchulumanco lwalubuzwa kuthi.

Wawufika ndincume ndodwa.

Ndiqwalasele kwintabakazi esasithi sizakuphumla kuyo.

Kwathi kungephi latshona emini ilanga.

Lwajika uncumo lwasisikhalo.

Intliziyo yopha yalihlwili,

Yopha oku kwesilwanyana sixhelwa.

Lwaphela uncumo, kwakho isikhalo.

Ntondini eluthando unjani na wena?

Ungumkhohlisi ezintliziyweni zethu.

Usisiphelo sempumelelo yethu

Kodwa wena thando! (Uyaphuma umphefumlo)

Yitsho: Uziva njani ngesigqibo esithathwe nguThandiwe? Ingaba kulungile ukuba inqununu ithathe isigqibo ngomfundi ingabaxelelanga abazali bakhe?