[Okuyinene uBusiswa uyabuphila ubomi bokubonana nabantu abadala ukuze abe nemali neempahla zodidi oluphezulu. Kodwa sibona ingxabano phakathi kwezitshomi enza nazo lomkhuba.]

Busiswa: (Efowuna) Thulie ukhona apho egumbini lakho? Ndicinga ukuza apho kuwe.

Thuliswa: Ndikhona sihlobo sam, ngekungcono ukuba ubusiza uzokundixelela about you and Big D.

Busiswa: Sort of mani tshotsho, ndiyeza ke ngoku uyeva.

Thuliswa: Khawuleza ke tshomie, don’t keep me waiting, I can’t wait to hear from you.

Phakama: Hee! Tshomi ungandixeleli mna ukuba sowufake noBusie kulomkhwa.

Thuliswa: Ungene waphelela tshomi kaloku yena kulempela veki sisuka kuyo ebeyiclient kaBig D.

Phakama: UBig D tshomi out of all the people. Tshomi iyintoni na inzuzo yayo yonke lento uyenzayo. UBig D uyagula nawe uyayazi lonto kodwa ufaka umntwana wabantu kulonto.

Thuliswa: Hayi mani tshomi uyazazi ezizinto, uBusie she is a professional kwezizinto, uyasisebenzisa isikhuseli.

Busiswa: (Engena emnyango) Hayibo ndingade ndinive ndiseza kude, yintoni enixabana ngayo ngoku?

Thuliswa: Hayisuka tshomi mani ziyenzeka ezizinto qha nje kukungaboni ngasonye nesihlobo esi sam.

Busiswa: Ngubani kengoku lo ugulayo yena?

Phakama: Mna ndodwa I am sick and tired of this life that I am living, ndandize apha ndizokufunda hayi lembaxo siyenzayo. Busiswa mntwana wabantu ingathi ngowungazifaki kulento sisi ndiyakucela. Ukuba uyazazi ufuna ntoni ebomini thina sesimoshe ngelethu ixesha ngenxa yobubomi. Obu sibuphilayo ayibubo tu ubomi bokuphilwa ngumntu onje ngawe. Ufike apha unebhongo kwaye uzazi ukuba uzokuthini apha ngoku utshintshwa yintoni sisi?

Thuliswa: Uyabona ke uyaqala, wena ugqibile ngoku ukwenza lento ngoku uvalela abanye bangawafumani lamathuba, umona yintoni na emntwini. Okanye ucaphukela lento uvile ukuba ebeno Big D kulempelaveki iphelayo? Ngoku unomona wokuba wamfuna wamncama uBig D.

Phakama: Hee! Waze wavelelwa ntombi ka P. Sekusithiwa ndinomona, ndinganomona ngelabobosi ligulayo lingu Big D? Hayi man ndivela wena Busie mntwana wabantu, isikhuseli sona ubusisebenzisile? Uze uqonde nathi asiyazi lonto, ndibonile nje ukuba ube ungxingxwa ngotywala kangakaya kodwa uqala nokusela. Kanti elimenemene lifuna ukuba lukulalise nabantu abagulayo ude asifihlele nathi ngokuba ebesazi asizuvuma lonto. Uyambona ke umhlobo wakho lona uyinyoka nawe uyothuka awuyazi indoda yakho iyagula. Wena ngowuqhubeka nezifundo zakho sana wandule ukwenza imali ke lena indlela ungena kuyo ineziphumo ntombi.

Thuliswa: Uyazi Busie tshomi, ignore a fool to avoid noise ungahoyi lemfitshi-mfitshi ithethwa ngulomonashe uzama ukuzenza ukleva apha kuwe.

Phakama: Inene unguDyakalashe omkhululu wena uyazi! Uyingcuka eyombethe ufele lwegusha mani sonke sangena kulento sifakwa nguwe.

Busiswa: Ngoku ke Thulie ubuzakundixelela nini ukuba uBig D lowo uyagula?

Thuliswa: Khawuyeke ukundibuza yonke into lena nawe, awusisebenzisanga na wena isikhuseli?

Busiswa: Ndizakuyazela phi mna lonto ngokuba indlela ebenisenza ngayo benisenzela ukuba ndingazi kwanto nangoku ke andazi nto. Wandula wandixokisa wathi uYonela undibonile noBig D, ndamgxotha mna. Ndimbuzile ke uYonela akayazi lonto qha wena ubufuna ndimxelele ngokwam.

Thuliswa: Wathini ke tshomi yena? Nohlukene nala zincwadini wakho?

Phakama: Hayike sana ufumene yena ke uThuliswa kakuhle, ungumlahlekisi yimikhuba yakhe ke leyo. Jonga ngoku akayikhathalele le uyithethayo, eyona nto ayifunayo kukuba nohlukane noYonela enye nenye akayikhathalelanga. Ndiyathandaza sisi uThixo awabeke phezu kwakho lamagazi nemiphefumlo ephume ngegama lakho. UnguSathane mntwana womntu, uSathane omkhulu..(Ephuma elahla ucango)

Busiswa: Ndisalinde impendulo ke mna sisi ngokuba kucacile mna ndiyagula kulendawo ndime kuyo. Kungenxa yakho Thuliswa ukuba ubungandisezanga ke undiyeke ndizenzele ke lonto yam ndisezingqondweni ngeku ngenje. Bendithi ungumhlobo uyazi? Xa kunje ndicinga amazwi kamama xa esithi ndizakufika ndidibane neentlobo-ntlobo zabantu apha, nyani nabo ke abakhohlisi.

Thuliswa: Uyabona ke sisi don’t ever try to make your problems mine please. Ungathi uqala ukulala nendoda ongayazi, ungasisebenzisi isikhuseli?

Busiswa: Andithi uqale ngokundihlohla utywala ukuze ndingazi nto xa kunje ngokuba ubusazi ndiyaqala nokusela obotywala. Hayi nam ndiyakuvuma ungumkholisi ntombi kwaye uyawazi umsebenzi wakho unamava, lilonke ubuthengisa ngam, ufumene malini ke sana? Yintoni ekwenze wenze lonto na sisi? Ndikwenze ntoni na le ingaka ekwenze ukuba undimoshele ubomi bam ngoluhlobo?

Thuliswa: Umdala sisi xa ungaka, andiqondi ungenziswa into ongayifuni. Kucacile nawe ubuyifuna, kudala ubulangazelela obubomi futhi uyifumene imali kanti undifuna ntoni na mna ngoku ntombazana.

Busiswa: You are such an animal wena uyazazi? You don’t deserve to be around people. Because you are such a cruel and heartless person, but what comes around goes around, you will never get away with this, never uzakubona.

Thuliswa: Uzakundenza ntoni? Nguwe ovulele uBig D amathanga akakudlwengulwanga sisi. Futhi ikwanguwe ongasebenzisanga isiskhuseli ngoku sowuhamba usosulela ngamafutha inyama singayityanga nje. So grab a life sisi and start to behave and be matured.

Busiswa: (Elila) Kowu! Ubudenge obu kanti buyintoni? Ndalahla imbo yam ngophoyiyane, I wonder uYonela uzakuthini xa esiva ukuba ndiyagula, umamaa yena uzakuthini, ndimphoxile kaloku. Yho! Ukuzenza akufani nokwenziwa, ukuba ndandingazange ndidibane nawe mani ngekungenje.

Thuliswa: Life is all about ups and downs sisi, so ke starting from today, learn to be responsible of your life. Ayindim othe sukusebenzisa isikhuseli xa usabelana ngesondo. Qha wena you were so desperate ngokuba uqala ukwabelana ngesondo then you even loose your mind, hayi uBig D ndiyamvuma uyazazi indaba zakhe intombi ide ingazi nebiyenza.

Busiswa: (Embamba) Uyinja uyazazi!

Thuliswa: Ngoku uzakundibetha, ndikwenze ntoni ke mna sisi. Qhubeka ke sisi ukuba lonto izakukwenza uzive ngcono, okanye izakuphilisa ukuba uyagula nyhani. (Ehleka)

Busiswa: Okungcono mandivule ityala ukuze wena noBig D wakho nibhadlele ejele.

Thuliswa: Hee! Hayi uyagula nyani wena kufuneka udibane nogqirha, inene kungona ucinga lonto ngoku? Ngoku sekukudala wahlamba nokuhlamba, ubungqina bayo yonke lento uyithethayo buzakuvela phi kengoku? Hayi ingulo iyakongamela sisi, ngoku nyani futhi uya usiya ubambeka ngakumbi nje nokuba iintsuku zihamba.

Busiswa: (Esiya emnyango) Ulintshontsho likaSathane inene bakubonile abakakubonileyo, ububi obu bokhele apha kuwe ngaphakathi. Hayi ungowokuyekelwa kophezulu sana wena ukuba singalwa nawe ngezigalo singaphelela kobubomi. Inene sowuyakubonwa ngubawo. Mna andinawo tu amandla kamtyholi. Kulungile ntombi kodwa ndikubhale edolweni, inene sokhe sibone ukuba uyakuphelela phi nomsebenzi wakho lona. (Ephuma emnyango)

Thuliswa: Hamba mani uyi-amature kakade mna andiqhelanga kusebenza nabantu abafana nawe kulomsebenzi wam. But next time sisi learn to take care of yourself, sisifundo esi sokuba ungaze uphinde udlale imidlalo ongayaziyo. (Evala ucango)Tyhini yandigezela nantsi intombi bethu ingandazi, liKapa eli sisi alolizwe lankenenkene eli kanti unjani wena.

***

Yitsho: Ubuzokwenza ntoni ukuba ubunguBusiswa?