Umboniso 1

Mam’doli: Nkosinathi! Nkosinathi!

Nkosinathi: Mama! Uyandibiza?

Mam’doli: Mntanam ikhona indawo ubuzaya kuyo namhlanje?

Nkosinathi: Bendizakuya eCaweni, kodwa ukuba ikhona into ozandithuma kuyo ndizakuya.

Mam’doli: Ok! Mntanam khawuleza uyothenga isonka, uTatakho usendleni ezayo.

Nkosinathi: (aphume)

Mam’doli: [Ethetha yedwa] Eh sis’busiso lo mntwana akafani nam, ingaba ngubani owayenje esakhula?

Kumkani: Tyhini molo nkosikazi! (engena endlini)

Mam’doli: Molo tata… kunjani ngeCoffee? (encumile)

Kumnkani: Hayi hlala phantsi nkosikazi, sinonyana apha endlini.

Mamdoli: Akekho ndimthumile evenkileni, ndifuna uphunge eyam namhlanje.

Kumkani: Khandiphungise ke nkosikazi wam, uNkulunkulu wandipha unkosikazi apha kuwe (onwabile). Ndikhumbula ndiqala ukwazi wawulivila usonqena! (ehleka)

Mam’doli: Aih tata ndandikhuthele ndiseyintombi. Khumbula kaloku ukuba wena icuba waliyekiswa ndim! Wayazi ukuba impahla iyahlanjwa. Uyandazi ukuba ndandikhalisa abafana ndiseyintombi.

Kumkani: Awuh intombi yaseMantlaneni madoda, wawumhle undiqoba amadolo, uzithanda xa unyathela.

Mam’doli: Unyanisile! Ndandingaqhelwa ndiyintombi-nto.

***

Umboniso 2 (Ukukholwa nekhaya)

Nkosinathi: (angene) Tyhini molo Tata. Andaz’ukuba sowubuyile emsebenzini. Kunjani Tata?

Kumkani: Kuhle nyana! Sigcinekile. Ndicela undibizele uDalindyebo phaya ndinxaniwe!

Nkosinathi: Kulungile. (aphume, uthetha yedwa) Yoh yintoni soloko utata usel’utywala, akakwazi ukuhlala ngaphandle kotywala ingathi uzalwe esel’utywala. Akakwazi nokudlula iveki ngaphandle kotywala. UThixo makamncede amyekise.

Dalindyebo: Kumkani! Kumkani! Tyhini ukhona ndikukhwaza, ndigqibezela ibhotile ukhona, uzifihle phi?

Kumkani: Heh kanti! Ukuba nyani ubundifuna ngekudala undifumene. Undifumene njani ngoku?

Dalindyebo: (athule) Ndivile ukuba uyandibiza, ubozokuthini?

Kumkani: Ndivile ngalentwana uSakhumzi kuthiwa iyeke isikolo.

Dalindyebo: Indiphoxile la ntwana sibali. Kodwa inyawo lakhe belibonakala ngokuba ebebuya ebusuku intsuku ezininzi. Andikayazi nangoku ukuba yintoni lena eyenziwa ebusuku.

Nkosinathi: Tata, izolo ebusuku bendim’bonile uSakhumzi ngasendleleni eCross Road.

Dalindyebo: Eih le ntwana yintoni idlala ngekamva layo maan! Nkosinathi ungamfuzi lo mntwana ngoba usiphoxile kwelikhaya. Ulungile xa uthobekile ngoluhlobo ungafuni ukuzitshintsha ngokuba uzakufana nomkhuluwa wakho. Wena mntwana wam ungayeki ukukhonza uYesu.

Nkosinathi: Ndiyabulela tata asoze ndikuphoxe.

Dalindyebo: Nyana ubomi bakho buxhomekeke kuwe.

***

Umboniso 3 (Ingxaka-ngxaka zomz’wam!)

Dalindyebo: Kumkani! Ndiyabuya, ingathi ikhona into efuna ukulungiswa. (evutha ngumsindo)

(uDalindyebo ungena kwakhe, ufika kukho unyana wakhe uSakhumzi)

Dalindyebo: Sakhumzi! Sakhumzi! Sakhumzi!

Sakhumzi: Ola timer! Kwenzenjani?

Dalindyebo: Kwedini uqaqadekile! Awunambulelo kodwa iminyaka engaka ndizama ndizamela wena. Yiyo indlela obulela ngayo le uyenzayo?

Sakhumzi: Ndenzeni ngoku timer?

Dalindyebo: Heh kwedini! Ubuza kum ukuba wenze ntoni, Sakhumzi izolo ubuphi?

Sakhumzi: Bendilapha ekhaya.

Dalindyebo: Yazi wena noZolile niyafana, nity’ukutya qha akhonti’ntle niza nayo.

Sakhumzi: Kodwa nawe tata uyadakwa, kodwa awufuni thina siphile ubomi bethu.

Dalindyebo: Heeh unaso isibindi sokuthi “ndiyadakwa” ndingutata wakho okuzalayo! Into endibangela ndisele utywala awuyazi. Wena bulela ukuba ulala utyile Sakhumzi! Umbuzo bendikubuze wona awukandiphenduli?

Sakhumzi: Ai! Timer ndihlala phaya ebusuku xa ndifuna ukubethwa ngumoya.

Dalindyebo: Uphelelwe yinto yokwenza? Incwadi ezi zona uzifunda nini?

Sakhumzi: Incwadi zinexesha lazo, kwaye into yokuba ndihlale esigangeni ndizizamela imali…ngokuba andinamali.

Dalindyebo: Yeyiphi into endingakwenzeli yona? Isisikolo ufunda kuso ubufakwe ngubani kuso? Sakhumzi uyaphi nempilo le nto ungakhathali kangaka? Into yokuba ndisele utwalwa, lonto ayithethi ukuba andinon’ifundisa.

(kungena uZanele, ufika kuhleli uDalindyebo noSakhumzi endlini)

***

Khasixelele: Yintoni enokwenziwa ukuze uSakhumzi ayeke ubuqhetseba obu anabo?