(Ngenjixukuxa kwenye ye ofisi zenkampani eziphezulu sibona umanejala ehleli emnxebeni enxebelelana noNokwakha. )

Umanejala: (Usemnxebeni) Ndikuvile, ewe mama. Iphumile imali yengozi eyehlele umyeni wakho. Sewuse dolophini? Undawoni ngoku? Okay akhongxaki

(akuphelanga nemizuzu emingaphi athi nkqo ngokukhawuleza uNokwakha. )

(Anqkonqkoze uNokwakha)

Umanejala: Ngaphakathi, ndingamoshanga xesha lakho mama ndingu manejala walapha kule nkampani yakwa Godfreys Company. Indoda yakho yayikwingozi apho bonke abasebenzi bam babhubha khona. Ngoku kuyanyanzeleka ndibabhatale bebonke, nali iphepha khawuncede undityikityele apho ngezantsi. Elikhadi line mali engange R100 000. Yeyakho yonke xa unengxaki uphinde undazise nali ne khadi lam lenkampani (emnika ikhadi. )

Nokwakha: Ndiyabulela kakhulu manejala, intombi yam ndiyishiye yodwa, ngoku noko inoba nayo sele indikhumbula

( waphuma engcangcazela kungxamela ukukhupha imali ngoku ngathi kuzophindwa kuthwe makayibuyise. )

Umanejala: Nanku unomyayi wakho uwushiya mama, mama! Ushiya ifowuni yakho (aphume amleqe)( mama!

(Kwenye yendlela zase Kraaifontein sibona uNdlela ehleli phantsi embethe ikhalibhothi kucaca nasesi dengeni ukuba akakhange akubeke ukutya intsuku eziliqela. Ndashiywa ngabazali bam, nazizihlobo zam, ndihleli ndindodwa mama. . ndashiywa ngabazali bam. nazizihlobo zam ndisele ndi ndodwa. Iya isihla ngokwehla ingoma. )

Ndlela: Molweni. Igama lam ndingu Ndlela, ndihlala apha endleleni. Ndicela iR1 noba yi R50c nzothenga isonka. Andizukutshaya ndizothenga isonka ndisilumele ngamanzi

( uNdlela uyaphakama aze asondele buphambilana eqongeni ehamba ecela. Awunayo sisi akhongxaki inkosi ikubusise! Ndicela iR50c. Kuthi thu uNokwakha kunye nentombi yakhe uSimthandile bavela edolophini. )

Ndlela: Ndicela iR50c (ucela ku Nokwakha kunye Nentombi yakhe. )

Simthandile: Mama ingathi ngu Ndlela lo? Ayinguye bhuti awungo Ndlela?

Ndlela: Ndicela imali yesonka sisi (utsho engenathemba nokuba impendulo izakuthini nah. )

Nokwakha: Masambe siyaphoswa zizinto ezibhadlileyo, funeka sikhawuleze ndifuna ubeka ecaleni imali ye DSTV yam.

Simthandile: Mama nguye! Ngundlela lona Ndlela! ndim uSimthandile! Mntase.

Nokwakha: Masambe yeka lo mntu ubuzisokolisa apha, ukuba ngu Ndlela, Uzawumthini? Ngoba andimfuni emzini wam mna. Mnike iR50 azithengele into yokutya (ngokukhawuleza okudibene noku ngxama, wayikhangela uSimthandile wakhupha iR200 wayinika uNdlela. )

Ndlela: Enkosi ndiyabulela sisi (utsho eyigqiwuzelisa edlalangayo evuya)

Nokwakha: Simthandile awundimameli nhe? Ndithe mnike iR50 wena umnika iR200. Sapha lomali wena yonke ngoku (eyihlutha ezandleni zika Ndlela yonke imali. )

Nokwakha: Ndiyakushiya futhi mna! (watsho ngemitsi engabalekiyo ukukhawuleza. )

Simthandile: Ndlela mntase kunjani ngempilo? (babambana nge zandla, kwangoko uNdlela wantliphinika. )

Ndlela: Ndilambile mntase ndlini, oko ndagxothwa ngu mama andizange ndatya ndahlutha yonke imihla. Intwanana endiyiphiwayo ngabantu ayindonelisi. Kodwa nje ngoba umama wayetshilo ikhaya lam lilo eli (elila) likhaya kum le migqomo uyibonayo.

Simthandile: Mntase akhonto ndinokuyenza mna, uyamazi umama ukuba ngumntu onjani? Kodwa thatha apha le R5OO uzithengele into yokutya. Ndizongxoliswa ngoku ubuya kwam ngumama, usale kakuhle ndiyakuthanda mntase khaya ( ekhawuleza ehamba. )

Ndlela: Enkosi Simthandile mntase khaya, ndiyabulela andingeze ndikulibale ( evuya kwakhona, encumancumeza nokuncumancumeza ngathi unikwe into angazange wayinikwa, ngenxa yokugqibela kudala imali. )

(kuthi kusenjalo esancumancumeza uNdlela kuthi gqi omnye wobherhi sele engxamile. )

***

Khawusixelele: Ukuba ubunguSimthandile ubuzokwenza ntoni ukunceda uNdlela?