( Kwenye yeelali ezingqonge isikolo samabanga aphezulu iDondashe. Kuxa kanye abafundi balungiselela iimviwo zokuphela konyaka. UBhomoyi uhleli nomhlobo wakhe kwindlu abagxamesa kuyo)
Bhomoyi: (Elungisa ukuhlala) Ey kodwa ntangam unyaka uyabaleka. Uyazi andikholelwa ukuba ndim lo sele egqibezela ibanga le shumi ngoku.
Sisa:: (Etyhila incwadi) Iminyaka emithathu ayonto mfondini. Uyabona ingathi yinto yayizolo ngoku besifika apha esikolweni?
Bhomoyi: Hey mfondini mna ndingxamele ukude ndohlukane nesikolo. Into yokulala ebusuku uphinde uvuke ekuseni hayi iyandiqwela mna nyani ngoku.
Sisa: (Eqhuzula intsini) Ayikho mfanam inkomo yobuthongo. Ukuba ulibala kukulala uyakufela enkangeni.
Bhomoyi:Uqala ezi zinto zakho ke ngoku. (Esikha amaxhaga) Uyazi mfethu ndinombono wam xa sele ndiseUnivesithi. Ndisihla ndinyuka ndiphethe iincwadi zam.
Sisa:: (Ekroba phantsi kwebhedi) Heke watsho wandikhumbuza into. Zikhona iindawo ubusele uzame kuzo isikolo? Mna zikhona ifomu endinazo apha kum, ndingakupha nawe ukuba uyazifuna.
Bhomoyi: (Evula isingxobo sakhe seencwadi) Ndisalinde ifomu zaseWSU nezaseFort Hare, kodwa ungandipha nakwezi zakho.
Sisa: :(Ehleka) Ungaqokeleli ifomu kanti uzotshona nokutshona kulo nyaka. Iyafana naba bantu baya kwiFareWell ajike umntu atshone. Omnye angabi nantloni nakunyaka ozayo aphinde aye kwi-farewell.
Bhomoyi: (Naye ehleka) Andiyenzi into ekuthiwa kukutshona mna mfanam. Ndiyinkwenkwe enkulu kaloku mna, into etshotsha entla. Uyabona kulo unyaka, ukuba ibekhona idistinction phaya esikolweni izoba yeyam, nemerithi ngokunjalo ukuba inye izoba yeyam. Andisathethi ke nge-exemption yinto yeedyongo leyo.
Sisa:Hayi ke xa usitsho, ndizokunika ezifomu. Ungazixhomi ke ntanga xa kuphuma iphepha, ndiyayazi abantu bayathanda ukuzibulala xa betshonile. Inoba yenziwa yintoni kakade lanto?
Bhomoyi: (Enxunguphele) Abanye abantu mfethu abakwazi ukuyamnkela into embi, abanye ke sukuba esoyika ukuphoxa abazali bakhe. Uyazi mna kudala ndisehlelwa zizinto ezibuhlungu qha ndizixelele ukuba zizinto nje zexeshana ezo. Eyokuzibulala yona into andikakhe ndiyicinge tu.
Sisa: (Ezamla) Makhe sithi ngqi kancinci mfondini sizovuka siyofunda, ixesha lixhatshwe ngutoki. (Atsho eziphosa eqongeni)
Bhomoyi: (Engena phantsi kweengubo) Iyakusakha lonto ntangam. Ungalali ude uqamele ngo lwimi ke apha.
(Bahleke bobabini)
Khawusixelele: Ucinga kutheni kubalulekile ukucela indawo edyunivesithi ixesha lisavuma?