Ngoku bendihlala ezilalini bendihlala nabantwana baka makazi wam ababini. Minazana ithile ndibuya esikolweni, ukufika kwam ndihlambe iihempe ndilale. Ndeva umntu ondivusayo, ukothuka kwam ndixhume. Ngumakhulu, akakwazi ukuphefumla kunento emvalayo.
Ndingomncinci ke kubazukulwana bakhe.
Azange ndazi ukuba ndenzeni. Ndathi ukothuka kwam ndama ngenyawo, andazi noba ndiqale ngaphi, wabe umakhulu emaxhaphetshu engazi noba athni ngoba lento imvalile.
Ndabaleke ndacinga ukutsalela umnxeba amalume eZibeleni. Ngentlahla kuthe kanti ebesesiza. Uthe ukufika kwakhe kwamna ndabe sendiphelelwa ngamandla kuba kaloku ndilusana andazinto. Umakhulu wayelele phantsi ezigqusha-gqusha.
Samthatha samfaka emotweni samsa esibhedlele. Wakhawuleza wancedwa seyingase ndimfele ngokwam, ndandisithi uyandishiya ndingazi noba ngubani oyoze avume ukuhlala nam ngoba ndathathwa kumama engandiphethanga kakuhle. Ndandizibuza imibuzo engenazimpendulo ngoba kaloku ndandingazi bathini.
Sabuya naye kunzima ukuzimela, ndiyintonga yakhe yokusimelela. Ndandingasakhathali ngoba ndandivuyela ukumlwisa kwimpilo yakhe ukuze angandishiyi.
Ukusukela ngoko, nabani na oyewahlala naye ngoku xa exakiwe ufonela mna ngoba ndiyakwazi umelana naye ngoba sendamqhela.
I’m proud of my grandmother and andiyikudinwa kukumnceda. Ndatsho ndazibona ukuba ndingugqirha wakhe, nangona ndandingadibani nevumba lamayeza neepilisi kodwa ndaye ndilithatha ekugqibeleni.
***
Sixelele: Yintoni iphupha lakho?