Hayi ntombi uyayenza into yakho
Undiqibela umzi
Sekuyi kantolo – emzini wam
Ndithi abayazi
Bayazidla bona ukuba ndiyintombi yabo,
kodwa bayaxakwa kuba bazikhuphile inkomo zabo
Ndixakiwe nam nje ngabo
Uyivalile indoda yam-
ayisakwazi ukubona enye into enhle
ngaphandle kwakho
Ndenzani?
Ukuze ndizibizele lomlo
sedisitsho lempi
Hayi uphelile umzi wam
Nqondo zabo zijikekile
Montana womntu usebenzile,
ngoku ndicela undiboleke indoda yam
Sengiphethe amacala, sengiphethe iziqi
Mbambeni uyawa umzi wam
Uwuqhibile umzi wam