Ndicel’umngeni namhla kuni,madoda;
Mdicel’inkalipho,ndicel’ukuzibingelela;
Ndith’indoda nganye mayixhobe ize,
Size kulwa idabikazi nalo Kufandini,
Inyokakazi egqibana nobomi bomntu.
Mna ndichukunyiswa kukuthand’uluntu ;
Ndath’abantu mabamazi ze bakwaz’ukulwa ,
Bamaz’uKufa ukuba ungubani na,
Bamaz’uKufa ukuze bazikhusele,
Basindis’ubomi bani angabuxhwili.
Kade bekoyika , Kufandini,
Namhla mna ndimi ndiyakuhlaza,
Mdikuhlaba ndingenalo nexhala,
Kad’ugqiba abantu wena singcolisindini,
Kad’abavuyelela ubona bekoyika.
Hayi hayi!uligwal’elidala leqwebisa,
Wena,nyhukunyhukundini yexelegu,
Wena,grixigrixindini lexumbululu,
Ntondini inzipho zigcwel’ityhefu,
Ukuz’aph’itswebe khona kungabikho bomi.
Okwakho konke zizimanga,
Kuba ufun’ukungaqondwa,
Kuba ufun’ukoyikwa,
USomandla uthembise ukukutshabalalisa.
Nde Gramm Gramm iyhooo!
E.Hlwayi