Umhlaba uyamangaza, bhotani sizwe eSintsundu, namhlanje ndiyani votisa, Mkhulu-Mkhulu ubawo wokhokho bethu, awathi ukubona ukuhlupheka nentlungu zabantwana bakhe, Wathi ukuthumela abo bo moya ukuzo bonisa nokudlulisa izwi lakhe ukuba libaphilise, ooNtsikane ooMgijimi ooCredo Mutwa ndithini na onoNongqawuza nooMantsumpa bawuzamile. Umsebenzi nabanye kulo lonke jikelele eli le Afrika, thina aba bakhonza uThixo ungesiso isehluleki, othi enza kwenzeke, kwenzekile ke, sehlile isibonakaliso, uMantsumpa walikhupha ilizwi, imbewu ityaliwe MaAfrika, yenjenjeya ukukhula, bembi bengathandanga, kaloku abaphakanyisiweyo bahleli benjalo bekhula, yantle ke lento, isizwe saqala ukuva iinyani, saqiqa saqonda, sabona incwadi esungaze mqunu ubomvu akaluhlazanga, isidima nesithozela saqala sabuya ngalenkolo besiyilahlile sididekile, uBhungani uMthimkhulu akazanga nento entsha uzovuselela inkolo yokhokho bethu ababenxulumana ngayo noMvelinqangi uQamata wanto zonke. Umnini wento zonke ongehlulekiyo yindalo awathi wayidala.