FunDza Logo
Menu Search Login
For the best FunDza experience, login to FunDza.

Nopinki Dumezweni

Ndingu Nopinki Dumezweni ozelwe kumnyaka ka 1996-03-28 Ndizalelwa kuCentane kwilali yaseQolweni kufuphi ne Thafalofefe.

Amabanga aphantsi ndiwafunde kwisikolo iBhekinkosi J.s.s. Bendingumfundi obengumphathi we-School church organisation ndiphantsi kwezandla zika Miss Mahlangeni obengu Tishalakazi wesingesi owandityhilela into ebendiyi phila qha ndingazi. Ndiye ndakhula ndisenza iintetho emaqongeni ndimela isikolo kwaye intetho yam incomeka kakhulu kubantu abayimameleyo kwaye iziguqula iimpilo zabantu ngokwa hlukeneyo. Nakwizibhalo zesiXhosa ndabe ndikuma nqanaba aphezulu phantsi ko-Miss Maqhetseba owandenza ndazidla ngolwimi lwam.

Amabanga aphezulu ndiwafunde eNolitha Comprehensive technical school Phantsi kweNqununu u Mrs Jam-jam umama apha obesiphila isixhosa. Lo gama ndifunda khona bendihlala e 583 iBika apho bendise zandleni zika Miss Fiphaza Babalwa obengu titshalakazi wam we Consumer studies. Ebekwanguye nomzali obekhathala kakhulu ngekamva lo mntwana.

Ndiye ndanyulwa njengo mphathi waba fundi kwi-School church organisation kwa khona,ndabe ndibalasele kwi siXhosa nakwi ntetho, ekumeleni isikolo kuma qembu, naseku kwazini ukubulela iindwendwe ebeziye zindwendwele isikolo. Nalapho bendinqwanqwadwa ngu Miss Matyholo nondenze ndazithemba endipha amandla ngamazwi enkuthazo.

Ndiphume esikolweni ndaphangela e-OR Tambo Airport njenge Passenger Aid eGoli nalapho ndiye ndafunda ndafundela ukubayi Waitress e M&C Academy ndaphumelela.

Ndithe ngokuva ndaya eKapa e-Ethafeni Educare Centre ndayoku fundela i-Computer ne Life skills phatsi kwa bantu abandenze ndazazi ukuba ndine sakhono endisi sithelisileyo sokubhala iincwadi nokuba ndiqhubeke njengo mntu onokuthetha emaqongeni phatsi ko Mr Masiba, umntu apha obenenjongo ngo bomi. Xaku namhlanje ndiziva ndinemi nqweno yokwenza ngcono ukufezekisa amaphupha wam.

Hala! MhloboIinyembeziNgeneneUhambo
Login to Comment
Go to Library
HOMEABOUT UST&C'sCONTACTHELP
© 2021 FunDza