ISAHLUKO SESIHLANU

“Sine ndaxolisa, ndahamba ezanzulwini zobusuku kuba ubawo uTshawe wafika zanzulwinii zobusuku wathi ubomi bam busekungciphekweni, wathi ukuba andihambi apha elalini……utata wandicenga ukuba ndihambe ezanzulwini zobusuku,” waphendula njalo uVusi.

“Ngeyiphi le ngxaki izode ikubalekise apha elalini, ungavalelisanga nakwisinqada mathe sakho?” Wabuza uSine.

“Kukho umntu obefuna igazi lam, uTshawe zange amchaze okanye achaze isizathu sokuba ndise ngxakini, kwafuneka ndimkile Sine okanye bekungcono ndife?” Wabuza uVusi elusizana.

” Ndaxolisa Vusi khange ndiqonde ukuba ubomi bakho babuse ngxakini, ngoku awucingi ukuba lamntu wayekufuna ufile angabuya? “Wabuza uSine ebukeka enexhala.

“Ukuxelela inyani Sine andiyazi nam, kodwa ndinalo ixhala,” waphendula njalo uVusi.

” Masithembe wabhanga,” wangqina uSine embamba isandla.

“Ndicela undixolele Sine bendingafuni ukuvisa kabuhlungu nam, ngxe ntomb’enomkhitha.”

“Suxhala Vusi ndakuxolele kudala, ndiyavuya nje ubuyile kwaye undikhanyisele kule mibuzo kudala ndinayo,” watsho njalo uSine encumile.

“Bendinesicelo sokugqibela, ukuba undamkele ebomini bakho futhi, ndibenoku fezekisa izithembiso zam, sokwenza umakoti wam nezinye ezilithotho,” wacela uVusi eguqe ngamadolo omabini.

 “Uyayazi njena Vusi ukuba ndasamkela kudala isicelo sakho, futhi nangoku akhonto itshintshe intliziyo yam isengeyakho yonke, ngoko ke ndiyaphinda ndiyasamkela isicelo sakho,” wamphendula ngelitshoyo uSine.

” Wavuya kakhulu uVusi ukuva lomazwi waphakama, waze wamqabula nomqabula.”

Intsuku zahamba, uVusi no Themba baqhubeka nokwakha I kliniki . UVusi no Sine beqhubekeka no thando lwabo, ngelixesha bekunye uThemba wayechitha imini zakhe noThenjiwe. Kwathi emva kweveki ezisibhozo sabe isakhiwo seKliniki simile sigqityiwe. Ngelixesha lonke uMagawula wayengamanga wayequqa ebuyelela ukuyojonga izinto awayezenza uVusi imihla ne zolo, engaxolanga tu intliziyo ilihlwili kodwa lingamanga necebo lakhe. Waye dibanisa amayeza akhe ukuze ayibeke inqawa u Vusi ngolwasuku lukhulu lokuvulwa kwe kliniki.

“Uyayazi tata sesiyigqibile ikliniki kushota kufike amayeza ne pilisi kunye nezinto zosebenza,” watsho uThemba ebalisela unkumkani uDaliwonga.

“Ndiyavuya ukuva ezondaba nyana daziqenya ngawe no mfowenu, umama wenu ngeziqenya ukuba ebesadla amazimba,” watsho njalo unkumkani uDaliwonga.

“Yima tata uthi umfowethu? Uphinde uthi umama wethu? Uthetha ngantoni kanyekanye? phuma egusheni tata,” Wabuza uThemba esothukile.

“Hayi mani ndabhuda nyana ndifuna ukuthi Oonina benu inoba bayaziqenya, yeka obubuvuvu ndingibo buthetha,” waphendula njalo unkumkani uDaliwonga ngelizwi eliphezulu.watsho ephakama apho wayehleli khona washiya uThemba esothukile.

‘’Yazi utata ebethetha ngantoni, futhi kutheni izomcaphukisa lento ndigqibo mbuza yona? Kwaye kwale mpendulo yakhe ayihlangani. Wazibuza uThemba ethethela phakathi’’.

“Mfazi awucingi ukuba lixesha uVusi ayazi inyaniso? Kuba esi sipho sakhe sokubona asiphiwe ngabaphantsi, sesifikelele ekubeni sigqabhuke?” wabuza uNgconde.

“Myeni wam uyayazi nje silindele uKumkani uDaliwonga ibenguye osinika imvume, ukhumbule ngunyana wakhe lo, kwaye wathemba thina ukuba simkhulise,” waphendula njalo uMamkabane.

“Ndiyayazi yonke lonto nkosikazi kodwa uVusi uqalisa ukuphupha uMagawula, akamazi yena kodwa ngokwengcaciso yakhe nguye,” watsho njalo uNgconde.

“Uthi umphupha esenza ntoni?” Wabuza uMamkabane evakala esothukile.

“Uthi uphupha emnika I apile, kodwa wothuka qho engekalithathi,” waphendula njalo uNgconde.

“Yabona kengoku imbi le uyithethayo, kwakufuneka siyothetha no nkumkani uDaliwonga,” watsho njalo u Mamkabane.

“Kwakufuneka ndike ndiyomvakashela uKumkani sike sithethe njengamadoda, ndakuvuka ngentseni ngomso ndiyokumbona,” watsho uNgconde.