Sithandwa Sam ndiyakuthanda
Ndakuthanda ndiqal’ukukubona
Kwaye ndisazokuthanda. Ndiyakuthembisa 
Mna nawe sofasilahlane.
Phakade lam wena uyikokonke kum
Ndiyabonga ngothando olungaka
Bendihlala ndizibuza ngaphambili
Kazi ndizothandwa ngubani
Kanti sele ukhona wena onokundithanda.
Wena liphakade lam, wena usisithandwa sam
Kahle kahle ulithembalam,
Masibambisane Phakade lam ngoluthando
Kude kubesisiphelo.
Sukela ndaqala ubona wena 
Ndisoloko ndincumile intliziyo ikwamnkele
Ndicela ubengowam nam ndibengowakho.
Sithandwa sam ndicela ungalibali
Ukuba bakhona abangasinqwenelel’nto entle
Bakhona abasijonge ngezikhondo
Zamehlo abathi siyoke sibone izophelelaphi.
Yingako ndisithi masibambisane
Dekuphesisiphelo.
Mntuwam ndifuna wazi ukuba kubobonke
Ndikhethe wena ngenxa yoba 
Ndikuthanda kwaye andimboni
Omnye ngaphandle kwakho.
Mntuwam ndizohlala ndinawe maxesha onke.