Kwabangasa siyakhala!
Kwabangasa siyabulawa
Kwehleni na siwe sakuthi?
Ityala lenina liyintoni na?
Konakele mzi kaphalo!
Amanina ajike angamaxhoba mvanje,
amanina ajike angamaxhoba esondo
Konakele ma-Africa, silalangenyembezi
akhontw’intle
Amadoda sejike angamarhamncwa
Akanamntwana, akana mama ayatshabalalisa qha
Tsii ngeba ndibafanisa nodyakalashi
Kwek’u zaphel’imbokodo nentyatyambo zeli limagada hlabayo
ubudoda bunoyisile!!
  • L.Magume