Yini!, yini! Kanti thina

Bantu besifazane intoni le ingaka

amadoda sawatyela yona

yintoni le kucaba sanenza yona?

Yhini satshabalala okwembovane

hayibo sekwanele, sihlukumezeke kwanela ngoku. Hayi inene salithw’lityala

xasibulawa nini sinithembile hayi kunzima

Wena qamata uthuleleni saphela uluhlobo

ngabantu abaphila ubunyoka.

singamaxhoba okuxhaphazwa ngamadoda kwenzenjani? Yingoba thina

singenawo amandla okuzilwela

mihla namalanga asikucholi

ukuphumla ngoba kaloku sisoloko

sisoyika lamadoda aphila ubunyoka.

Akusekho nenye ethembekileyo

kuba kaloku umntu awumazi ucingani

ngawe, awulazi ingaphakathi lakhe. Yhini mdali

suthula sisifa kanje.

Inene kulo umhlaba akusekho

konwaba ziyaphela imbokodo

zingenatyala. Lo umhlaba uyahlaba umagade ahlabayo.

Mzontsudu phakama, phakama Mzontsudu

imbi into eyenziwa kumanina

sifa okwembovane amadoda anamhlanje

aphenduke ubunyoka.

Ntliziyo yam ibuhlungu, indlebe zam zonele

kukuva ngokusweleka kwenina

elibulelwe yindoda kwanele.

Xakunje asazi sithembe bani

ibuhlungu into esehlelayo ngenxa singenamandla

wozilwela.

Sifelani Singenatyala, senzeni singamanina?