Sana lwam Sana lwam

Uyinkanyezi yam.

Kubaleka ubumnyama empilweni yam,

Kufika ukukhunya emoyeni wam.

Usiskhanyiso sobom bam Nyan’am.

Uyimpilo katata

Mpilo yam mpilo yam.

Mamel’unyoko uzokubonisa indlela.

Unike uYehova umthwalo wakho xa ukusinda.

Uzihluze izihlobo, ungayendwa ngabahlobo.

Uligugu kutata

Gugu lwam gugu lwam.

Ukhul’ubeyindoda.

Mna ndizokushiya, sondela ndikxelele.

Yibanentlonipho nethemba.

Ebomini uzophumelela.

Khwela kweyam inqwelo.

Nyan’am Nyan’am