Ndifuna khe sichubelane kwesisikhwebu sombona, siluman’indlebe gxebe, siphakelane kulembiza kaXhosa. 
Sikhula kwimizi eyahlukileyo, sikhuliswa ziinkonde neenkondekazi zomgquba ezazisithi, “Amakhaya akafani ntonje afana ngeentlanti.” kodwa lonto ayithethi ukuba amasiko nezithethe enziwa kwezantlanti ayafana.
Ndinomnqweno wokuba sigxile kwisiko likaNtu lokwaluka. Yintoni lento selingenasidima kangaka? Yintoni lento selingahlonitshwa oluhlobo? 
Thina safundiswa ngamaqaba aqabimbola ebomvu ukuba elisiko lelasendle, nto leyo ethi into zasendle azizi ekhayeni, kodwa xa kunamhlanje isiko lomzi kaNtu lingcwele kumakhasi onxibelelwano, saze sabhanga isiXhosa sisijongile, laze latshabalala ibhongo neqhayiya lethu sibukele.
Nakundixolela mawethu mna ekhaya zange ndifundiswe xa kusonakala umntu ndimnike umva wesandla, ndafundiswa ukungqala apho kufele khona kanye ithole. 
UXhosa simbukele ephuma ngomnyango mhla kwakuyekwa amadoda angenazimilo, angakwazi uziphatha enziwa iingcibi, kwathathwa amadod’angongantweni enziwa amakhankatha, waphakama uXhosa waphum’amaxhego ebukele akanqanda.
Xa kukhutshw’inkwenkwe ekhayeni ithunyelw’ehlathini singonozala sasiyazi ukuba ukuba lomfo uphum’aphekhaya uyokwakhiwa ngamadoda, uyoncazelw’inkcubeko ngamadoda anomqolo angajikajikiyo enyanini, uyofundisw’ubudoda ngamadod’ondlekileyo ebuchotsheni, into ezithetha zizingomb’isifuba ngemizi yazo ngoba kaloku indoda yindoda ngohambo nangemisebenzi yayo emihle.
Xa kunamhlanje unina ukhuph’umntwana enexhala ngoba kaloku akayazi noba uzabuy’esakwazi ukuthi, “Mama” na. Namhlanj’uthumela umntwana abuye azozenza indoda kuwe mzali wakhe. Namhlanje usa umntwana kwintaba ka ndoda abuye aphakamise isandla kuwe nozala. Namhlanje sithumel’abantwana bengabantwana babuye sebebopha icuba labathwa phakathi kwekhaya, bathi bokuthetha abazali ithi impendulo, “Bendiye ndedwa esuthwini lonto ke ithi andizophendula kuwe.” saze sazisola singonozala ngokuzala amadodana ngoba kaloku xa kungoku abona bazali ngabo.
Noko liyaxhalabisa izinga lokungabinamfundiso kwamakhankatha neengcibi. Uyaphela uXhosa iinkode zamaxhego zibukele. Siyaphela isizwe akusekho nenkode ephos’izwi, noko kwanele. Liyintlekisa isiko ngoba alinabakhuseli. Ewe lona yayilelethu kodwa xa kunamhlanje asisazingci ngalo ngoba kaloku alisenamfundiso, noko makhe sibuyeleni kwantu emva siyojonga isizekabani, ingaba konakelephi kwisiko lethu, akubinje xa kuzalunga noko kwakungenje ntlandlolo.