Ntokazi emanz’ andonga

Etsho ngolusu olutum-tum.

Etsho ngocumo luhle kuhle kokutshona kwelanga.

Abamhlophe bathi ” Sun set” ngxashu nto zikaXhosa!

Uthi wakuthi gqi uncumile ibengathi ngu mamlambo,

Ndamthiya ngo Nontyantyambo,

Kuba umhle okwe zityalo emveni kwemvula zehlobo.

Khe ulibone ikhowa emveni kokugqerhemla kwezulu?

Emazinyo amhlophe okwe khephu!

Ngeba ndithi nguntlakohlaza ntonje yipesika yam.

Oh ntokazi enomkhitha.

Enelizwi elinambithekayo.

Uthi wakuthetha kunyibileke intliziyo,

Kuhle nalo mixakatho ndiyixakathe emagxalabeni.

Nge ndithi yiJerusalem umzi okhanyayo ntonje ngumntu,

Wafika wakhatyisa ebomini bam.