Bendimncinci ndilusana
Ivelephi inzindo engaka
Bendicing’uyandithanda
Kanti uyandonyanya
Mna bendikuthanda
Nangoku andikuthiyanga
Ubuhlungu obungaka
Andizange ndabuva
Wandiqhatha ndavuma
Ndakuyek’undibhanxa
Ndingakwaz’nokujonga
Iinyembezi zam
Ndazosula ngokwam
Emehlweni wam
Into ondenze yona
Andiyithethanga nakoyedwa
Ndakuxolela
Ungaxolisanga
Andenzeli wena
Ndenzela mna
Ndiyabon’uyazisola
Kodwa sukuxhala
Ngoba sendaxola