• Ndabetheka ndagqiba
  • Ndakhala ndagqiba
  • Ndiyonqena uphinda ndibetheke
  • Ndiyonqena uphinda ndikhale
  • Kodwa kuthiwa umntana ukhula ngobetheka
  • Ewe kuthiwa umntana uthula ngomqolo
  • Kodwa ndophuka ndagqiba
  • Ndathuthuzelwa kwadikwa
  • Ngoku ndikhala xa ndingabonwa
  • Ndibetheka ndiziphulule
  • Intliziyo yade yaphola
  • Ngoku ndiyonqena uvula umnyango
  • Ndiyonqena uvulrla iimvula
  • Andifuni ukuvulela imimoya
  • Andifuni uphinda ndibetheke
  • Andifuni uphinda ndikhale
  • Andifuni uphinda ndikhale