Ndincedeni bethunana ndikhuphe

Ndamnika isitshixo sengaphakathi lam.

Ufike wafumana intliziyo yam esosini

Uyithathile wayibeka phantsi emhlabathini.

Uhambile wayocholachola intsasa ezinameva

Wagqiba kwelokubana abase ayoje.

Uziphendule impuku eyincutha

Eluma ephephetha enzelubandingeva.

Ndinoloyiko ekwenzenikwakhe

Uzovinjwa yintoni ukugqithela emphefulweni?

Ndincedeni ndimkhuphe angade onzakalise

Ingxaki azidayisi ndawo ezinto azincuthayo.

Ukuphela kwazo kukuphela kwam.

Ndimazisile ngentlungu yokuncuthwa

Waxolisa wathembisa ukuyeka.

Uqalile kwakhona wancutha

Ndacela andibuyise isitshixo sam.

Ukhiphe ezenkawu inyembezi

Ndamvela kwakhona.

Ukumvela kwam akuncedanganto

Kuba usaqhubekalapho ayegcinekhona.

Ndicela uncedo ndimkhuphe

Ndohlulakele yile mpuku.

Ndiyayiva intliziyo isibheke ecaleni

Kwaye usukufutshane umphefumulo.

Ndincedeni Bethunana .