Ukuba ndikumoshile;
Ukuba ndikuvise kabuhlungu;
Ukuba ndikungcungcuthekisile;
Ukuba ndikucaphukisele;
Ukuba ndikuchukumisile;

Owu! Ndicela uxolo
Mhlambi zindlela zam
Maxawambi zintetha zam,
Zifike zakruzula intliziyo yakho,
Zifike zachukumisa umphefumlo wakho,
Zifike zatyhafisa amalungu omzimba wakho.
Kodwa ndiyangxengxeza ndiyaxolisa ndicela uxolo.

Kukho amaxesha apho sona ngokuthetha sigqibile ngokwenza,
Kukho amaxesha apho sishiywa yimilebe sikhamise sityhale,
Kodwa ngenxa yokungazi sizibone sele sinentshaba.
Kukho amaxesha apho sithetha utyhatyhiwe,
Kofwa ayithi lonto yibanesigqala nesigquku.

Ewe ndiyavuma ezinye intetha zirhabaxa,
Ewe ndiyavuma kulula ukwesula inyembezi emhlweni womntu,
Kodwa kunzima ukususa ubuhlungu entliziyweni yomntu.

Kodwa ndiyaphinda ndithi ukuba ndithe ndakukhubekisa ngenxa yokungazi ndicela uxolo.
Kaloku akukho nto ibalulekileyo ngathi kucela uxolo.
Ndiyavuma ndikonile kodwa ndicela uxolo.
Ndicela uxolo ndicela undixolele,
Maxawambi ndokunile nto nje khange ndiziqonde ukuba ndiyona.
Ndicela uxolo ndicela undixolele

Ndicela undixolele