Ndingene kolu thando sithandana siqhathana sonwabisana ,de sonzakalisana.
Ndingabeva abazali bendilumnkisa bendinqanda ,
Besithi “uthando aluleqwa kub’intwezileqwayo zonaka msinya”
Ndizityand’igila ndizingomb’isfuba ndisith’uthando olutsha lolona lomeleleyo ndingaz’ukuthi uyakundijikela .

Ndivuk’imihla nezolo ndinxib’impahla yeskolo ,ndithwel’usana iinyang’ezilithoba
Hlaz’elingathethekiyo kodwa abazali bandixolela .
Imbelukaz’entle yase kuhlaleni ayisengomzekelo kuba kaloku ibele layo liwile.

Suke wabothusa abazali bam wandilobola nam ndakholwa ukuba ulubambo lwam.
Ndakhululeka emzin ndonwaba njengabanye abatshakazi ,
Ndazala ndandisa ikhaya suke wandijikele .
Wandonzakalisa ngamazwi nezikhali .

Ndanga ndingath akwaba ndandiba mamele abazali.
Ntonje ndandisonqena ukuba ngumabuya ekwendeni.
Ndisonqena ukuhlisa isidima sekhaya lam.
Ndanyamezela ndinkulwa ndilukuhlwa ndingazithetheleli kuba ndicingela iintsana zam.

Imbeko nothando sele iyinto endiy’qabuka esthubeni kuba endinayo nendiynika isthandwa sam satshitshiliza ngayo phantsi ,sandenza intlekisa ndashiyeka ndingumpha ochutywe walahlwa