Isekwandim lo owawumbalekela

Owayenxibe impahle eziklazukileyo.

Ukuhamba ngenqwelo masondosonda

Ayithethi ento yokubana akusindim lo owayehamba ngenyawo engana zihlangu.

Ungandicengi nam awufunanga ndikucenge

Washo kum ndisiva ukuthi ndingamoshi ixesha lam ndikucenge.

Ukunxiba kwam impahla ezinamaga

Makungakulibazisi njengelaxesha wawusithi ndiyakulibazisa xa ndikucela uxolo.

Wawuthe awundifuni, awundithandi

Kubuya kwajika nini ukungandithandi kwakho?

Kutheni ungathethi inyani ukuthi uthanda izinto endinazo?

Isekwandim lo owayephuma endlini eyayi tyabeka ngodaka, ubona inkwenkwezi usendlini.

Olushintsho olubonayo luvela kuMdali neZinyanya zam.

Ndivumele ndigqithele phambili njengoba wawushilo

Mhlambe ndiyakumfumana ozakundamkele nobuhlempu bam.

Bendithi andiziveze ukuthi selendamfumana owandamkela nobuhlempu bam.