MAMAM
Mama wam ondizalayo
Nditheth’intombi yoSiyoyo
Endalala kwesayo isibeleko
Intombi enebal’elikhanyayo

Ukundikhulisa bekunzima ndiyavuma
Kodwa uwe nam uvuka
Undibonisil’indlela
Uyidlalile kum eyakho indima

Olungak’uthando zange ndalubona
Bendiphazama endleleni ndikona
Undingxolisa, undibetha, undibonisil’indlela
Kodwa ngoku ndiyaqonda ubundikhusela

Nangoku usecaleni lam
Undibonis’ukwenza kwam
Ndifundile nam
Ndiyabulela ngondikhulisa mzali wam

OLOTHANDO
Ukuqala kwam ukudibana nale nzwana
Ndiyokukha amanzi komny’umlanjana
Azange ndalubona uncumo oluhle kangaka
Wandikhweba ndenza ngath’andimbonanga

Wazincama weza ndambon’esondela
Elinje lon’igatyana lomfana
Uyazithanda umfana upholile ngothetha
Wabulisa nam ndavuma

“Andizube ndizulisa ndicel’uthando”
Utshilo umfana wanyakazela umzimba lol
“Undixolele ngokuhlasela oluhlobo”
Ndathwal’imele yam entloko

“Uthini ngesicelo sam ntokazi”
Utshilo lomfana endothula loomanzi
Ndagobis’intloko ndabhala phantsi
Wavele wandanga wabeka loomanzi
Sihambile endixelel’iindaba zakhe
Ndabe ndijong’ubuhle bakhe
Undibekile ekoneni elungiselel’ujika kwakhe
“Ndingavuya uphinde ndikubone kwakho”

“Ndihlale ndijonge ubuhle bakho”
“Ndingavuya ubangutata weentsana zakho”
“Ndifun’usoloko ndise caleni kwakho”
“Intliziyo yam izojabula kwakho”