Ebizikhwaza zisabel’izinyanya
Ebethi Wakuyinyol’inkomo exhantin lbhong’isgqala
Ndoda ethi caphuke wawphambuka
Ikunik’eyakhw’induku ithi qula
Iqeqesha buduk’ubuthakatha
Washiywa ngothenjwa ngoBawo mkhulu,uTamkhulu
Iwil’indoda yesiNtu!
Lemk’idela kufa,Iwil’intsika
Sivakel’isingqi!
Sokuwa koMthiwembotyi
Ngazi ba sonyangwa ngubani?
Idlozi ebeliphila lisizimele
Ngokwe siNtu ebethwesiwe
Ixhanti ngeke liwe
Soqhubeka njalo nezithethe
Uwil’umxhosa womthonyama
Ukumel’uMampondo wakho umaFaku,uthahla
Ubiziwe ngoGogo wasabela
Lifikil’ilixa,ngezonyaw’uziPink
Hamba kakuhle ndluntsha!