bendingazi ukuba kungathi kusisa bube ubuso bam sele buntshingi-ntshingi ,
umoya yam idandathekile
nentliziyo yam yenile
bendingazi ukuba lingathi lisakhas’ikhwezi ube sele owam umoya ucholwa esityeni senkukhu
ndibangazingela umhlaseli, nkqi ukumbona
ingqond’ib’ibik’inkungu namangunda
won’umzimba unditsalel’ekuphumleni
ew’izibi zenzekile,
ndabona, ndaphawula,
kodwa bendiba ndixolile.
intliziyo yam indiqhubel’emva
ezinkcukwini,
nakwimpande zezono.
kowu ! wakhul’umntu zongam’inzingo.
siba lwam uz’undikokose kuthi ndakuphelelwa ngamandla okukuphakamisa ubhale ngokunokwakho kuba ezam zaziwa nguwe.