Ziduna zesidanga nesidabane

Zimazi ezintsundu ezanyelisela amathole kaPhalo

Ngaphandle kwedyudyu nenxalabo.

Ndingaxhalelanga maxhalanga aphanga nezingenabuncwane

Khanizityekisele ngaku leyam imilebe ezondletyana zenu ndithi lebe-lebe ndilebelezise .

Kuthi maXhosa ndini anendlebe ezizele imiphula,angave kexelelwa

Nilahla aMasiko neZithethe zoyihlo nje nidludla nophoyiyana nisezokhala esomfazi ofelweyo.

Ndithi kini rhabulani ningaqweli kuba lebhekil’izel’intlenge edala umqantsa phakathi kwesintu,ubuntu noluntu

Kazi konakalaphi xa aMasiko neZithethe zoyihlo nje ephalazwa emithonjeni.

Ungenile owebala walamba owokuzalwa

Kuphethe omhlophe nomnyama khange ndabona mahluko kwaphela mna

Xakunamhla nje sidyubha-dyubheka kwintsantsolo engenambaliso.

Xakunamhla nje sijike sazimbendlanye eziphila ngezibonelelo zikaRhulumente kuba kaloku ngulowo nalowo ubika ihlaba ,akusekho ziciyo ngenxa yokunyhashela aMasiko neZithethe.

E.Hlwayi