Hoyina!

Hoyina!

Ndiboleken’ iindlebe

nants’intomb’ yomthonyam’ entungo

Andidelelanga MaQhawekazi ezwelethu

ntonje ndizama ukubonisa imincili nemivuyo ngama Qhawekazi ethu.

Ngubani na owayesazi

ukuba sakuze sibe namalungelo singamanina?

Ingubani na owayesazi

ukuba sakuze sibe ngabaphathi bendawo?

Ndiyabuza kuni mzi ka Ntu!

Xa kunamhla sizingomba izifuba

ngobunganga nobu ngamshela

Ngenxa yama Qhawekazi nee Ndlovukazi

ezasivulel’ indlela.

Kuloko ndisithi ndiboleken’ iindlebe

ndityandyathe ndityibel’ lama Qhawekazi.

Asinqwanqwadil’ isizwe

Asibonis’ ukuxabiseka kwamanina

Ndithetha ngoobani?

Xa ndingathethi ngabahlahli bendlela

Iyhewa into zooMam’ Mandela OoMam’ Stella nditsho naye uMam’ Albertina Sisulu

Nabo nabanye endingaba bizanga

Abo babangamadela kufa

Sithi halala kuni maqobokazana!

Noba sele nalandulela elimiweyo

kodwa imisebenzi yenu iyohlal’ ihlel’

ezingqondweni zamanina asakhasayo

Sithetha singqiyaza

kuba kaloku nasihlahlel’ indlela

Ukuze sikwaz’ ukuma namhlanje

singavumi ukucikelwa phantsi

Ndingathetha liphume de liphinde litshon’ ilanga ndinityibela

Zingade neendlebe zingeva

ngoba kuninzi okuthethekayo ngani.

Maninandini nohlala ningamachiza

okwelaph’ isizwe sabantsundu

Nohlala ningaba nqwanqwadi

kwizi zukulwana ngezi zukulwana zakwa Ntu

Nde gram!