Ndiyazi apha ebomini kukhona iintsuku ezinzima.Iintsuku ezikwenza ulahle ithenba,ndithetha ngeentsuku ezikwenza ubone ngathi noThixo akayiphenduli eyakho imithandazo.

Iintsuku ezikwenza uzibuze ukuba kungani nah ungalungelwanto empilweni.Ndiyazi ukuthi uze ubone ngathi ayisekho into iyiphilelayo ngenxa yempilo yakho eme ndawonye.

Ndiyazi njalo xa uhleli nabantu uye wenze ngathi yonke into ihamba kakuhle kodwa xa sele uhleli wedwa ziye ziphalale iinyembezi uzibuze imibuzo enganazimpendulo.

Ndiyazi akumnandanga ukubona iminyaka ihamba kodwa impilo imi ndawonye,akumnandanga ukubona uqhayele emva abanye beqhubeka nempilo zabo .

Ndiyazi ukuthi uze ubone ngathi wawudalelwe intlupheko apha empilweni yakho,kunezimo ezibuhlungu ezifike zenzeke ebomini bakho,uze uthi kanti uphi na uThixo?ngoba ndiyathandaza nje.

Uphelelwe lithemba uze wonqene nokuthandaza kuba akulungi.Mtasekhaya ndizothi kuwe ungasuki kulendawo uThixo akubeke kuyo, uThixo unecebo ngempilo yakho kona akumnandanga kodwa sumncama uThixo yaye akakulibalanga uyakubona kwaye uyayiva nemithandazo yakho,ukulungiselela isithebe sakho.

Ezonyembezi uzikhala ntsuku zonke ngenye imini ziyakuba ziinyembezi zovuyo uze ungalahli ithemba uThixo uyazi ukuba kungani udlula ebunzimeni apha empilweni.

Ukhumbule ukuthi ngiye awahlela ngempilo yakho,kwaye uyazi ukuthi eyakho injabulo iyaba nini .Mthembe ngoku ubona ukuba akumnandanga empilweni yakho,yena uyaphendula uThixo ngokuba uphendule nini na kodwa uye agqibele ekuphendulile.

E.Hlwayi