Kuthi mandikhuphe imbilini yam ngendlela endizingca ngayo ngawe SANALWAM , kaloku ulibhongo ukwalilo neqhayiya kum.

Mini yam yokulunga. Amagama akanakuze akwazi ukuchaza indlela endiziva ngayo xandicinga ngawe. Undenza ndizive ndifudumele emphefumlweni. Undinika amandla nothando lwakho olungenamida, ndingayintoni na ngaphandle kwakho? Inyembezi ziyazihlela xandicinga ukuba ndingayintoni ngaphandle kwakho, wena uligxalaba elibanzi lokundonga xandinkunkutheke ngokwasemphefumlweni. Ulikhaya lam lanaphakade, inene ndizibona ndingowakho umphelo. Ndiyayazi ukuba ayikho into engapheliyo kodwa sanalwam ndicela xakufiki ndudumo nezikhukhula undifihle sikhukukazi sam, ungavumi ngam. Owu sanalwam, themba lam. Wena usisipho sam esikhethekileyo.

Ndiguqa ngedolo mihla yonke ndinqule uQamata,uSonini nomnini ntozonke uba abugcine abubudlelwane bethu. Ndingavuya naxa sinothatha uthando lwethu silise kwinqanaba eliphezulu, akhonto endinokuyivuyela ngaphezukokuphile nawe de ndiyobekwa kwikhaya lam.lokugqibela. inene siyokohlukaniswa kukufa, imiphefumlo yethu imanyene yaze yabaminye, intliziyo yam ibalihlwili xa ungekho ecaleni kwam. Yonke into iba krakra kusuke kubengathi umhlaba ume ngxi, inene ndingajikeleza eli limiyo ndikhangelana nawe. Sanalwam wena ulubambolwam yaye ndiyakholelwa ukuba asinakuze sahlukaniswe nto. Ungumhlobo wam wokwenene, ukwalilo nekhaya lam elifudumeleyo ukwayiyo nentliziyo engadinwa kusoloko uthanda mna. Ndiyabulela ngento yonke ondenzele yona, Sanalwam inene uyimini yam yokulunga.

***

Khawusixelele: Zithini ezakho izimvo ngesi sincoko?