Andisenakubuza ndisithi kunjani na
Ukukhanywa yintambo yedyokhwe emqaleni,
Kuba ndizibonele kwinkabi yomqokozo.
Ubumfama bamehlo busukile ndagqala,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.

Yabigudile intle, izalelw’ inkululo,
Ingaceli nto mntwini, izingca ngobunkomo.
Uthe umntu mayibanjwe iqeqeshwe ithambe,
Ezilungiselela ngokunga uyasiza,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.

Inge ingamangala ikhusel’ ilungelo.
Yangqingwa yabiyelwa ngobulumko namava.
Amaqhinga ooyisa kufunw’ iqobozeke.
Isizathu esihle singafihla ububi,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.

Irhintyelwe ngeentambo, zayidla ebuntloko,
Yangxolizwa, yakhatywa, kwaphathwa kulelezwa.
Injongo yona inye mayithwale idyokhwe.
Lolwezulu uqeqesho olujong’ umqeqeshwa,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.

Ibe ngakhabalaza, izam’ ukuqhawula,
Kwathethwa ngeziniya. Ijonge nangasemva
Iba iyaxakisa, koko kuthiwe: “Betha.”
Obotshiwey’ uyinto yokudlala kwigwala,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.

Lalingathi limnyam’ izulu kukhumezela.
Ndijonge elundeni, ndalibona libomvu
Kuthontsiza igazi, umkhondo woxhathiso,
Ibuzisa ikhaya, umzi wenkululeko,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.

Ndiyibon’ ilambile ngaphantsi kwaloo mbuso,
Iliso liinyembezi, umxhel’ ujacekile,
Ibe ingasakwazi nokuchasa imbuna.
Ithemba yimigudu ezond’ inkululeko,
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokhwe.