COACH MASUKU: Kuthe xa ishishini laliqala ukutshona, utata wazibona engenawo amandla okusondla nokuba asixhase, wathabatha umpu suka wazivuthulula ngawo entloko ubuchopho bathi saa.

(Kwathi cwaka endlwini.)

COACH MASUKU: Akazange athethe nelizwi elinye nakubanina. Walinda nje ukuba umama asise esikolweni ngenye intsasa, wayitsala inqomfa wazidubula. Khawufane ucinge? Komnye umzuzu nanku utata wakho edlala nawe ekunyumbaza akugqiba akukhwelise ebhedini kakuhle; kumzuzu olandelayo uzibona ume ecaleni kwebhokisi yakhe yomngcwabo.

MZWANDILE:  Eish…hade.

COACH MASUKU: Eyona nto ndigxile kuyo yile, manene, ilizwe liyatshintsha, kwaye ukuba thina asitshintshi, kwaye ukuba asifundi ukwamkela iimeko zotshintsho, sisengxakini enkulu kakhulu. Abafazi ngoku bamkela imivuzo exhomileyo kunamaqabane abo. Yiqhele loo nto! Kanti ngamanye amaxesha abafazi ngabo abeza nesonka etafileni!

KEVIN: Yinene emsulwa ke leyo!

COACH MASUKU: Kwamanye amadoda phandle apha, kuninzi okwenzekayo okudala ukuba kutshintshe izinto ebezikade zisisigxina. Ilizwi lakho alisengo mthetho ngoku ekhayeni lakho. Abantwana abasaneliswa kukuba kwenziwe izinto kuba usitsho wena. Kwaye ukungathethi ngeemvakalelo zethu akuzi kusinceda ukuba sikwazi ukumelana nolutshintsho. (Athi cwaka abajonge bonke endlwini)

(Abanye banqwale bevuma.)

COACH MASUKU: Amalungu osapho athanda ukuthi “mxolele wethu nje ngenxa yomtshato wenu, abantwana bakho; uyawazi ukuba amadoda anjani kaloku,” abo batshoyo ngabona abangabanye boonobangela beengxaki!

THABO: Ewe nangoku…

COACH MASUKU: Umbuzo ekumele ukuba sibuyela kuwo qho ngulo: Ingaba ndinguye na umgcini womntakwethu? Ubeke izinto ezichaza inkolo yakho ecaleni okomzuzwana. Yisuse yonke enye into le uzame ukuphendula lo mbuzo ngobuchule nobunono nangokunyaniseka: Ingaba ndingumgcini womntakwethu ngenene na?

MAKGATHO: Thetha man!

COACH MASUKU: Xa ummelwane wam ekhala, esengxakini, ezinzulwini zobusuku…ingaba ndingumgcini womntakwethu kusini na?

KOBUS: Hmm.

COACH MASUKU: Xa ndiseklabhini, okanye e –KONKA, kunye namajita, aze omnye umhlobo aqala ukuncwasa ebiza ngamagama athile angamkelekanga komnye nje umfazi, okanye aqale aveze amalungelo athile kuthi malunga ngokukhumbuza ngokuba wahlawula ikhazi, khawuzibuze ke lo mbuzo: ingaba ndinguye na umgcini womntakwethu?

MAKGATHO: Sho, khowutshi!

COACH MASUKU: Xa umhlobo wakho, okanye udade wenu okanye ummelwane esokola kukukhulisa oonyana bakhe kuba uyise eduke nelizwe oko bazalwa, kwaye mhlawumbi ngoku sele bezibandakanye namaqela eetshomi ezingalunganga, kwaye uyazazi ukuba ungabanakho ukubanceda ngandlela ithile, kwenze oko. Ngoba kutheni? Kuba ngomso omnye waloo makhwenkwe angakukhuthuza, axuthe imoto yakho, wena okanye wena (ebakhomba ngabanye ngabanye apha endwlini), asuke ade abe lizothe ekuhlaleni.

MZWANDILE: Yinyani ke leyo.

COACH MASUKU: Phakama uncede kuba kakade sinqatyelwe ngabantu esinokujonga kubo, ngaphezu koko khawusebenzise umoya wesaci sakudala ubuntu, botho, bangabantwana bakho nawe. Iimpazamo zabo zisisiboniso sento esiyiyo thina sonke apha.

KEVIN: (enqwala kancinci) Yinyaniso leyo!

COACH MASUKU: (elaqaza apha egumbini) Ukwenza izinto ngamandla obudoda liqula elinokufa elo, kwaye siza kufa sonke sithabalale singabikho ukuba asithathi okutsha okuvelayo, siwabumbe ngokutsha amakhaya ethu, kwakunye neendawo esihlala kuzo ngokubanzi. Indlela eya kwindoda yase Afrika etshintshileyo ngokugqibeleleyo inde kakhulu, inzima kwaye inamaqhina anyukayo, kodwa xa uthandabuza, zibuze lo mbuzo ngokwakho: Ingaba ndinguye na umgcini womntakwethu?

MEN: (bavuma abanye ngamxhelo-mnye) Ewe singabo!

COACH MASUKU: Into ke engasokuze itshintshe yile yokuba sonke sizelwe ngabafazi. Xa omnye wethu ebhatyaza endleleni, kumele sibuyele kulo mbuzo. Xa omnye wethu apha ezibhaqa esengxakini, engakwazi ukumelana nobomi, eziva engathi weyele emgxobhozweni, oko akuchaphazeli yena yedwa, kuchaphazela ikhaya, indawo yasekuhlaleni, ngoko ke kumele sihlale simana siwubuza lo mbuzo sakugqiba siwuphendule: ingaba ndinguye na umgcini womntakwethu?

AMADODA: (Ngaxesha nye) Ewe singabo!

Khawusixelele:  Ucinga ntoni ngalo mdlalo?