COACH MASUKU: Sikhona isizathu esibangela ukuba umntu ngamnye anikwe  i-punching bag xa efika ezimanya kunye nathi apha. Loo nto siyenzela ukuba nikhuphele imisindo nokuphazamiseka kwenu kwi-punching bag, hayi kubantu enibathandayo ngokuba…(ephakamisa izandla zakhe azijongise kumadoda ahleli phantsi.)

AMADODA: (ngaxesha-nye, amanye ehleka) Sonke sidinga indawo ephilileyo yokukhupha umsindo!

COACH MASUKU: Kunjalo kanye! (eqhwaba izandla) Enkosi Kevin, ngokwabelana nathi ngendlela ebalulekileyo owaguquka ngayo, nakuwe Kobus, enkosi ngokuziveza ube luncedo ngokunceda umntakwenu obedinga uncedo. Ingaba ukhona omnye umntu onqwenela ukuza ngaphambili abelane nathi ngawakhe amava?

MZWANDILE: Heita manene…eish…kunzima. (ejija ipanama yakhe ngesandla) Kukuko sho  kona ukuthi ndikhe ndabhadla ejele, ndilihlawule ityala ekuhlaleni, kodwa abahlali maan…abakwazi nje ukundiyeka ndiphile ubomi bam. Kutheni bengandiyeki ndiziphilele nje ngoxolo? Ndizifundile izifundo zam, ndihlawule ngokwenza ububi. Andiseyiyo laa ndoda eyabanjwa kwishumi le minyaka eladlulayo ngenxa yokuqhekeza nokubetha, GBH…kodwa baphikele ukusoloko bendingcungcuthekisa ngale nto. Kusafana nokuba ndisesentolongweni, umahluko nje akukho ziintsimbi zokuvala .

COACH MASUKU: Yitsh’ubuphinde, ntwana yam.

MZWANDILE: Eish… (ezonwaya entloko) Ngenye imini incosi yathatha imoto kamama wayo yaya  kuspina ngayo ngaphandle kwemvume, into elandela leyo ibe ngamapolisa ankqonkqoza emnyango kwam.Umaki yena ungaphaya endijonga ngokungathi uyandikrokrela.

(Andumzela amadoda engayikholelwa le nto.)

MZWANDILE: Niyazi phofu, ukukhululwa kwam, sasiyalelwe ukuba sisebenze ekuhlaleni ukuze siqhele ukuba yinxalenye yabantu bokuhlala, ‘yabo? Ndandicinga ukuba emveni kokusebenza kula ‘green groza’, ngokuya sinceda abahlali sisebenza kule gadi yabahlali, ndandicinga ukuba abantu baza kundamkela bandinike ithuba lesibini, kodwa umaki…eish umaki, madoda!

HAROLD: (Emveni kokuba ephakamise isandla) Ngubani uMaki? Sisidala sakho? Bathini ke bona abanye abantu apha ekuhlaleni?

MZWANDILE: Yoh! Hayi khona ngekhe!

COACH MASUKU: (ehleka kancinci) ‘UMaki’ liganyana lokuqhula abizwa ngalo ummelwane, Harold.

HAROLD: Ahhh!

MZWANDILE: Noko kunjalo…hayi, kunzima, manene. Abantu bayandiphepha. Abantu bahambela qelele kwelinye a icala le ndlela xa bendibona. Eteksini oosisi bamane bendithi krwaqu kakubi emva koko bafihle izinto zabo. Ndithetha nawe nje nelo shishini lam lokuhlamba iimoto liyasokola ukukhula kuba kaloku…

MAKGATHO: Ho, uneshishini lokuhlamba iimoto?

(Anqwale uMzwandile)

MAKGATHO: Ukhona umbono endinawo. Ukhona umntu endimaziyo oneqela leeteksi. Ndingamcela ukuba azise abaqhubi bakhe baze kukunika inkxaso.

MZWANDILE: Mafra?

MAKGATHO: Sho , mfo!

HAROLD: Kunganjani ukuba singenza ithekwana lokulilisungula ukulazisa?

KEVIN: Ithekwana leshishini nje lokuhlamba iimoto?

HAROLD: (ephakamise izandla) Ewe. Kutheni singena kulenza? Singenza nje into encinci, njengokuthi nca inyama elahleni, senze iisaladi ezimbalwa kwakunye neziselo.

(Amadoda ambalwa asuka aphela yintsini )

COACH MASUKU: Harold, kuthiwa yitshisa- nyama. (encumele uHarold) Ukhona umntu endimaziyo ongasixhasa ngokusipha iziselo. Yinto entle le, madoda! Niza nezisombululo kwaye nibonisa inkxaso ebaluleke kakhulu.

KOBUS: Ndiyayicwaba ke mna i-’potjiekos’!

COACH MASUKU: Okheyi, ngoku ke uMzwandile uza kubuyela kuthi neentsuku esinokukhetha kuzo, kwaye abanye bethu abaneemoto nabo beze ukukunika inkxaso. Singakwazi kwakhona ukuba ukhona  umntu onakho ukuzibophelela, ahambe aye kusebenza phaya egadini yoluntu kunye noMzwandile nokuba kukanye okanye kabini enyangeni? Ndicinga into yokuba ukuba abantu basekuhlaleni bangambona enjengabantu bonke abazizamelayo, mhlawumbi xa bebona inkxaso yethu,  kungenzeka bangade  bamnike elinye ithuba. Nicinga njani nina madoda?

(Baqhwaba izandla bonke bevuya.)

MZWANDILE: Ahhh, manene…andiyikholelwa le nto…Yho! Andilahlekanga. …Yoh! Angilahlekanga.  Sho, manene! (encume olukaBhlankethe)

(Aqhwaba izandla amadoda sele encokola ngoku.)

Khawusixelele: Ucinga ukuba kuza kwenzeka ntoni emva koku?